UFurman uphawula ngomdlalo weBafana

Isolezwe lesiXhosa - - EZEMIDLALO -

EMVA kokuba iqela lesizwe liphinde labaphoxa abantu baseMzantsi Afrika, uDean Furman, uthi aBafana Bafana baliphoxile ilizwe ixesha elide kakhulu kwaye lo nto kufuneka iguquke.

UFurman ukuthethe oku emva kokuba aBafana Bafana bedlale ntanganye ngeqanda macala neLibya – elelinye lamazwe angenamandla kwibhola ekhatywayo – kumdlalo obubanjelwe eMoses Mabhida Stadium kwiveki ephelileyo.

“Siyekelele ixesha elide kakhulu, kwaye siliphoxile nelizwe ngokungakwazi ukuzibekela indawo kwiitumente ezinkulu. Kufuneka siyiphucule indlela esidlala ngayo. Emidlalweni kufuneka ibe ngathi sidlala kumdlalo wokugqibela kwiAFCON,” utshilo uFurman emva komdlalo.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa

© PressReader. All rights reserved.