Ekugqibeleni, uyathembisa uCoetzee

Isolezwe lesiXhosa - - EZEMIDLALO -

IKHONA intlantsi yethemba lokubona uRivaldo Coetzee edlala ibhola kwinqanaba eliphezulu kwakhona kwibhola ekhatywayo.

Oku kubonakele emva kokuba uCoetzee edlale imizuzu engamashumi asixhenxe xeshikweni iMamelodi Sundowns edlala kwiMultiChoice Diski Challenge ivula isizini entsha kwiveki ephelileyo.

UCoetzee akakayidlaleli iSundowns ukusukela kunyaka ophelileyo athengwe ngawo kwiAjax Cape Town ngenxa yokonzakala.

Ukudlala kwakhe uCoetzee kwiDiski Challenge kunika ithemba umqeqeshi weSundowns, uPitso Mosimane, owathenga lo mdlali ngenxa yokuthanda indlela adlala ngayo.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa

© PressReader. All rights reserved.