Wenzakele kwakhona uBuchanan

Isolezwe lesiXhosa - - EZEMIDLALO -

EMVA kokudlala imidlalo embalwa njengomdlali weMaritzburg United, uKeagan Buchanan, wehlelwe lilishwa lokonzakala kwakhona.

UBuchanan ufike kwiTeam of Choice esuka kwiKaizer Chiefs ahleli kuyo ixesha elide engadlali ngenxa yokonzakala obe kungenasiphelo.

Umqeqeshi weMaritzburg, uFadlu Davids, uthe ukonzakala komdlali wakhe ziindaba ezimbi kakhulu.

“Wonzakele xeshikweni sizilolonga. Kunokwenzeka ahlale ngaphandle kokudlala iinyanga eziliqela,” utshilo uDavids kwingxelo ekhutshwe liqela kwikhasi lomnatha.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa

© PressReader. All rights reserved.