Notshe: Uxhomile umgangatho kumbhoxo!

Isolezwe lesiXhosa - - EZEMIDLALO - LUKHANYO ENGILANE

AMABHOKOBHOKO abethe iAustralia kumdlalo wovavanyo obuseNelson Mandela Stadium eBhayi ngo’23-12 kwimpelaveki egqithileyo.

URassie Erasmus waseDespatch nokapteni waseBhayi, uSiya Kolisi, badlalele ekhaya okokuqala ekhayeni labo njengomqeqeshi nomdlali weqela lesizwe.

Kwakulo mdlalo omnye umdlali weBoks, uSikhumbuzo Notshe wakuQoboqobo, ufumene umdlalo wovavanyo wokuqala kwiqela lesizwe.

UNotshe, ongene endaweni kaWarren Whiteley uthe: “Mkhulu kakhulu umahluko phakathi kwemidlalo yamazwe ngamazwe kuneCurrie Cup. Ndicinga ukuba yiyo lo nto ndingawugqibanga umdlalo. Uxhomile kakhulu umgangatho kule midlalo,” utshilo uNotshe.

Lo mdlali ukholelwa ukuba ukwancedwe nangoogxa bakhe aqhele ukudlala nabo, “kundincedile kakhulu ukufumana ithuba kwiBoks kukho oogxa bam bakwiWestern Province abafana noPeiter Steph noKolisi; bazenze zalula izinto,” utshilo uNotshe.

UNotshe (25) uthi kuninzi akufundileyo kumdlalo ogqithileyo.

“Njengoko benditshilo kuqala; uxhomile umgangatho kwiRugby Championship. Ndidlale imizuzu engamashumi amane anesihlanu kuphela - kodwa ndifunde lukhulu emdlalweni. Ndiyambulela kakhulu umqeqeshi u-Erasmus ngokundinika ithuba,” utshilo uNotshe.

Yona ifolosi yeBoks ebingoyena mdlali oqaqambileyo kumdlalo obuseBhayi, uPeiter-Steph du Toit, uthi iza kufika beyilindile iNew Zealand.

“Siyayazi ukuba basenomsindo eNew Zealand kuba sibabethele ekhayeni labo. Baza kuza ngawo onke amandla abanawo - kodwa baza kufika sibalindele,” utshilo uSteph du Toit.

Amabhokobhoko amnkela iNew Zealand kumdlalo eziintshatsheli zeRugby Championship kumdlalo ozakube useLoftus Versfeld Stadium emalanga ngoMgqibelo.

Ilizwe laseNew Zealand lithwele isithsaba emva kokubetha iArgentina ngo’35-17 kwimpelaveki egqithileyo.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa

© PressReader. All rights reserved.