Ukuhamba kukaNdengane kuza kuyigungqisa iCeltic

Isolezwe lesiXhosa - - EZEMIDLALO - PEDRO MAPELO

YINDODA ekhululekileyo uAlfred Ndengane. Lo mdlali odlala emva ukhululwe yiBloemfontein Celtic emva kokuba ecele ukukhululwa.

Iindaba ngokuhamba kukaNdengane ziza emva kweengxelo ezithe ufunwa ngamaqela amakhulu aquka i-Orlando Pirates.

Ukukhululwa kwakhe kuthetha ukuthi unelungelo elipheleleyo lokuya kwiPirates – elona qela ekuvakala ukuba lizimisele ukumthatha.

Ingqonyela yeCeltic, uKhumbulani Konco, uthe iqela lonzakele kukuphulukana nomdlali ofana noNdengane.

“Kubuhlungu kuthi ukuphulukana nomdlali osemgangathweni kaNdengane. Sizamile ukuthetha naye – kodwa sibonile ukuba masimkhulule ngoba sesithathile isigqibo sokuhamba. Ndingatsho ukuthi noxa singakwazanga ukuvumelana ngokuhlala kwakhe – kodwa akukho nto imbi phakathi kwethu naye. Ngoko ke simnqwenelela okuhle kodwa; siyalibulela kakhulu igalelo lakhe kwiCeltic,” utshilo uKonco kwikhasi lomnatha.

UNdengane uneminyaka eliqela engumdlali obalulekileyo weCeltic. Ngoko ke, ukuhamba kwakhe kuza kuyiqhokra kakubi iSiwelele emva – apho ebedlala khona nabadlali abafana noLorenzo Gordinho, ekulindeleke aye kwiKaizer Chiefs ekuqaleni konyaka ozayo. Khange baphozise maseko abaphathi beCeltics. Babhengeze iindaba ezithi uTshepo Rikhotso uza kuhlala ixesha elide kwiCeltic emva kokwandisa isivumelwano sakhe sengqesho ngeminyaka emithathu.

“Ungumdlali ovuthiweyo ngoku uRikhotso, wangeniswa yiCeltic kwinqanaba eliphezulu lebhola ekhatywayo. Ukuzibophelela kwakhe kusonwabisile kakhulu,” itshilo ingqonyela yeCeltic.

Kunzima ukugcina abadlali kwiCeltic ngenxa yeengxaki zayo zemali eziyithe mbende ukusukela kwisizini egqithileyo.

Nakubeni ukuhamba kuba Ndengane kuza kuzigungqisa izicwangciso zikaSteve Komphela nendlela iqela lakhe elidlala ngayo – kodwa ukufika kwalo mdlali kuyincede kakhulu iPirates ekhangela indlela yokubuyisa isidima sayo kokubini kwimidlalo yePSL nakwiCAF Champions League phambi kokuphela kwalo nyaka. Imidlalo yePSL:

Maritzburg United vs Cape Town City @Harry Gwala Stadium, 20:00

Free State Stars vs Bloemfontein Celtic @Goble Park Stadium, 15:30; Kaizer Chiefs vs Polokwane City @ Moses Mabhida Stadium, 18:00; AmaZulu FC vs Orlando Pirates @King Zwelithini Stadium, 20:15

Mamelodi Sundowns vs Bidvest Wits @Lucas Moripe Stadium, 15:30; Baroka FC vs SuperSport United @Peter Mokaba Stadium, 15:30; Golden Arrows vs Black Leopards @Princess Magogo Stadium, 15:30.

UMFANEKISO: FRIKKIE KAPP/BACKPAGEPIX

Uyishiyile iBloemfontein Celtic, uAlfred Ndengane, ngoku ingathi uya kwiPirates

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa

© PressReader. All rights reserved.