UMotloung ukhalela ithuba kwiChiefs

Isolezwe lesiXhosa - - EZEMIDLALO -

OWAYEDLALELA iKaizer Chiefs, uNicholas Motloung, ulile iinyembezi ngethuba echaza intlungu yokuvinjwa kwakhe ithuba lokudlala eNaturena.

UMotloung, obengoyena mdlali oqaqambileyo emdlalweni, uphalaze imbilini yakhe kwiSuperSport TV kwiveki ephelileyo emva kokuba iPolokwane City ayidlalelayo ibethe iChiefs ngo’1-0 kumdlalo wePSL obudlalelwa eMoses Mabhida Stadium.

“Ndibulela uThixo nomqeqeshi ngokundipha ithuba. Ndiyakhathazeka ngoba ukudlala neChiefs lithuba elikhulu. Kwaye kwanyanzeleka ukuba ndiye ePolokwane ngoba zange ndilinikwe ithuba lokudlala kwiChiefs. Kuye kwanyanzeleka ukuba ndiyibonise namhlanje,” utshilo uMotloung obenyembezana.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa

© PressReader. All rights reserved.