Rev Isaac William(s) Wauchope no Mendi ‒ Citashe Dyoba
Ibali lokuzika kukaMendi nge 21 Februwari 1917 alinakugqibeka kungakhange kubekwe umnwe ku Citashe Dyoba, umCethe, Cizama, Ncenceza kaNchoko, okanye Rev Isaac Willam(s) Wauchope. Yena wayebizwa ngamagama amaninzi. Ubeyiyo itoliki, engumbhali. Ebekwanguye nomfundisi welizwi webutho labantu abaNtsundu ababengamakhulu asibhozo namashumi alithoba ananye (891) ababezenze idini baya kuncedisa kwimfazwe yamaJamani 1914-1918. Ibutho eli babengathatyathwa nje ngamajoni. Umbuso welo xesha wawungamniki oNtsundu umpu.
Amagama la amabini kaSingaye uMqhayi, imbongi yesizwe jikelele, uchaza athi ubesithi akuguquka umntu anikwe amagama amatsha ngabefundisi bakudala. Kodwa Bawo Wauchope akazange walilahla eleenkobe.
URev Wauchope wazalwa ngoluya lwabhici lwemfazwe kaMlanjeni ngo 1852, ezalelwa e Doorn Hoek e Tinara. Kulapho wafunda khona iilwimi zasemLungwini isiBhulu nesiNgesi. Kodwa ke isiXhosa ubesinambitha kunene. Zisekhona izibongo nezincoko awazibhalayo. Mfundisi Wauchope ubengomnye wee-nkcubabuchopho eziNtsundu xa kanye kuvalwa inkulungwane yewaka namakhulu alithoba (19th century). Angabalwa kunye nezikhakhamela ezifana no JT Jabavu, JKBokwe, E Makiwane, WB Rubusana nabanye.
Ngo 1876 u Rev Stewart waseLovedale wathabatha uhambo oluya embindini we Afrika ngeliya kuhambisa iVangeli. Wauchope waba ngomnye kwisine esakhapha abefundisi apho. Imeko yasembindini ayidibananga kakuhle nabafana abo. Wauchope wagoduswa buphuthu-phuthu sele ephethwe ngezandla. Ukanti ababini baswekela apho – William Koyi no Shadrack Ngunana.
Waba nenyhweba yokufunda ade abe ngumfundisi-ntsapho. Ethubeni waqeqeshelwa ukuba ngumfundisi waseRabe ekhokhela efundisa komaBhofolo, Gqugesi, Wezo nezinye iziphaluka.
Ihambo yobomi kaWauchope yaba nokuphazamiseka xa abekwa ityala lobuqhetseba wada waya kubhantinta iminyaka emibini. Ingxoxo yayishushu ngeso siganeko, Bambi babesithi umCethe akanatyala. Kodwa ke inkundla yamgweba.
Sele eminyaka engamashumi amathandathu anesine ubudala uWauchope wazinikela ukuba abenxamnye nebutho labaNtsundu elalisiya phesheya, lincedisana namaNgesi. Intlekele yona yehla ngentseni yange 21 Februari 1917. uMendi wazika ngephanyazo akungqubana nenqananwe iDarro phantsi komqhubi uStump. Abe ayatshona ke amathole amaduna angama khulu amathandathu namashumi amane anesixhenxe (647). Abasindayo yabalikhulu namashumi asibhozo anantlanu (185).
Ibali ngoCitashe Dyoba, uDyoba wodaka ubesitsho xa azithuthayo, livela ngalo mizuzu ingamashumi amabini okugqibela. Kuthiwa wawakhuza amaduna akowabo, ewakhumbuza ngobukroti bezolo nezolwelinye kwiimfazwe ngeemfazwe. Wathi ebabonga wabe ehlabela ilika Tiyo Soga, Lizalis idinga lakho. Zabuyiswa zonke izikrweqe zalapha.
Likhulu leminyaka sidlulile eso sigigaba. Kunzima ukubamba ncam ukuba ibutho eli lalinathemba lini ngokungenelela kwimfazwe yamaNgesi. Ibali lithi abasindayo abazange bavavwe nangembasa le. Omnye wabasindayo Payi Mkutu waswelekela ebugxwayibeni eBhayi. Kunokwenzeka njani ke ukuba thina singawalibala la makroti, izidla-mlilo, amafanankosi?