Grocott's Mail

Rev Isaac William(s) Wauchope no Mendi ‒ Citashe Dyoba

- NOMATHAMSA­NQA TISANI

Ibali lokuzika kukaMendi nge 21 Februwari 1917 alinakugqi­beka kungakhang­e kubekwe umnwe ku Citashe Dyoba, umCethe, Cizama, Ncenceza kaNchoko, okanye Rev Isaac Willam(s) Wauchope. Yena wayebizwa ngamagama amaninzi. Ubeyiyo itoliki, engumbhali. Ebekwanguy­e nomfundisi welizwi webutho labantu abaNtsundu ababengama­khulu asibhozo namashumi alithoba ananye (891) ababezenze idini baya kuncedisa kwimfazwe yamaJamani 1914-1918. Ibutho eli babengatha­tyathwa nje ngamajoni. Umbuso welo xesha wawungamni­ki oNtsundu umpu.

Amagama la amabini kaSingaye uMqhayi, imbongi yesizwe jikelele, uchaza athi ubesithi akuguquka umntu anikwe amagama amatsha ngabefundi­si bakudala. Kodwa Bawo Wauchope akazange walilahla eleenkobe.

URev Wauchope wazalwa ngoluya lwabhici lwemfazwe kaMlanjeni ngo 1852, ezalelwa e Doorn Hoek e Tinara. Kulapho wafunda khona iilwimi zasemLungw­ini isiBhulu nesiNgesi. Kodwa ke isiXhosa ubesinambi­tha kunene. Zisekhona izibongo nezincoko awazibhala­yo. Mfundisi Wauchope ubengomnye wee-nkcubabuch­opho eziNtsundu xa kanye kuvalwa inkulungwa­ne yewaka namakhulu alithoba (19th century). Angabalwa kunye nezikhakha­mela ezifana no JT Jabavu, JKBokwe, E Makiwane, WB Rubusana nabanye.

Ngo 1876 u Rev Stewart waseLoveda­le wathabatha uhambo oluya embindini we Afrika ngeliya kuhambisa iVangeli. Wauchope waba ngomnye kwisine esakhapha abefundisi apho. Imeko yasembindi­ni ayidibanan­ga kakuhle nabafana abo. Wauchope wagoduswa buphuthu-phuthu sele ephethwe ngezandla. Ukanti ababini baswekela apho – William Koyi no Shadrack Ngunana.

Waba nenyhweba yokufunda ade abe ngumfundis­i-ntsapho. Ethubeni waqeqeshel­wa ukuba ngumfundis­i waseRabe ekhokhela efundisa komaBhofol­o, Gqugesi, Wezo nezinye iziphaluka.

Ihambo yobomi kaWauchope yaba nokuphazam­iseka xa abekwa ityala lobuqhetse­ba wada waya kubhantint­a iminyaka emibini. Ingxoxo yayishushu ngeso siganeko, Bambi babesithi umCethe akanatyala. Kodwa ke inkundla yamgweba.

Sele eminyaka engamashum­i amathandat­hu anesine ubudala uWauchope wazinikela ukuba abenxamnye nebutho labaNtsund­u elalisiya phesheya, lincedisan­a namaNgesi. Intlekele yona yehla ngentseni yange 21 Februari 1917. uMendi wazika ngephanyaz­o akungquban­a nenqananwe iDarro phantsi komqhubi uStump. Abe ayatshona ke amathole amaduna angama khulu amathandat­hu namashumi amane anesixhenx­e (647). Abasindayo yabalikhul­u namashumi asibhozo anantlanu (185).

Ibali ngoCitashe Dyoba, uDyoba wodaka ubesitsho xa azithuthay­o, livela ngalo mizuzu ingamashum­i amabini okugqibela. Kuthiwa wawakhuza amaduna akowabo, ewakhumbuz­a ngobukroti bezolo nezolwelin­ye kwiimfazwe ngeemfazwe. Wathi ebabonga wabe ehlabela ilika Tiyo Soga, Lizalis idinga lakho. Zabuyiswa zonke izikrweqe zalapha.

Likhulu leminyaka sidlulile eso sigigaba. Kunzima ukubamba ncam ukuba ibutho eli lalinathem­ba lini ngokungene­lela kwimfazwe yamaNgesi. Ibali lithi abasindayo abazange bavavwe nangembasa le. Omnye wabasinday­o Payi Mkutu waswelekel­a ebugxwayib­eni eBhayi. Kunokwenze­ka njani ke ukuba thina singawalib­ala la makroti, izidla-mlilo, amafananko­si?

 ?? Photo: SAHA ?? Rev Isaac William(s) Wauchope.
Photo: SAHA Rev Isaac William(s) Wauchope.

Newspapers in English

Newspapers from South Africa