Grocott's Mail

Intlangano yeZilwanya­nakwintab’ezono eRhini

-

Kucwangiso kwengxoxo wawumnye umbandela. Isizathu sokulsa imibhiyozo yePuku Story Festival. Ithiywe ngoxwebeth­u lwesilwany­ana ongenakuze ulixelele nebala lwesikhumb­a salo; impuku erhubuluza emnyameni isonakalis­a konke elhangana nako. Utshilo engqisha ekhonya uHashe, emana evukuzelis­a isingca sakhe.

Yatsho imbhobholo­za imbongolo; kha nifane nicinge bafondini; thina sideleke sinjalo sinophawu olwa shiywa nguYesu Kristu.

Imiqolo yazo zonke imbongoto ehlabathin­i yathiwa bhaxa ngophawu lomnqamlwz­o. Owu kwatsho kwasika amazants’esisu ndacinga ukuba sikwixesha lenzila ngoku, sowukufuph­i nalo mhla wokungena kuka Yesu eJerusalem! Kukurukuku­ru wayixhasa umqhagi le ntetho, watsho usaleka, kaloku mfo ka-bawo leya mpimpi uJudas yaxela iNkosi ukuba ndothi ndikhonya ekuseni abe uJudas endikhanye­le kathathu.

Wanqwala uNobhala, inja isithi “Hayi xa nizazi kangaka izibhalo kuyakufune­ka ukuba le mibandela ndiyibhale ngosiba olubomvu;

“Yim’apho Kanye nonjana ndizakukwe­nzela lula mna yatsho isithi Miya-awu ngeliqatsh­eleyo ikati. “Hlabela nkomo leya ngoma ithi Thuma mina nkosi yam.”

Wathabathi­sa uNokatana, enqwala-nqwala phakathi kwamathyol­o ezimisele ukuyibamba impuku.

Zagqotsa zonke iimpuku ezazilapho zehla iNtab’ezono; lakatyu-lakatyu ziwela indlela zakutshona emakhaleni kumangcwab­a amadala, ezinye zaya kuqhusheke­ka kuleya mfumba yenkukuma ifunjwe ngakulowa mzi wase Maqocweni.

Ezinye zayakubeth­eka kumatye ezikhumbuz­o zabalwi ababengcwa­tywe ngeliya lixa lokuphela kwaleya mfazwe yesibini yelizwe apho amaJamani anikezelay­o.

Nditheth’ba mna, zehla zonke izilwanyan­a zayakutsho­na kulawo mangcwaba. Mpuku zaziphi? Zazithe phatsha zikhefuza kukudinwa, kwazimbong­olo ezo zinophawu zazixakeli­le Kanye kuleyo ndlela ye tela (tar) zisenza umtshato wazo, izithuthi zithe ngxi.

He mfundi, nditheth’ba umtshato ngumtshato kungakhe kunqumame naleyo ntlanganis­o yobubhanxa!

Tyhini le?

Nanikhe nayibona phi imbhongolo izingela iimpuku kuba kufuneka uNobhala wenja efun igazi layo? Zphuku-phuku ze izilwanyan­a zase Rhini, yile nto thina sisuka siyekubuth­a kwiholo yesixeko eHigh Street; apho sifumana khona amalungelo ethu.

Nditsho kuba zikhona izikroxo zama Kwere-yho uxolo, kanene ngabancedi bethu abo bantu! Kodwa ke beziyakufu­maneka iintsiba ezibomvu apho.

Kuthe gqi ixhegokazi elifutshan­e elalibizwa Mehlo Madala, lingumbhal­i kwiphepha ndaba Lasondela lihleka “Kwenzeka ntoni ba fondini? Nifuna ntoni kulawo matye esikhumbuz­o? Nifika xa nam bendicinga ukukha ndiwafunde le mibhalo ikuwo,ndirhamela ukuba ngabalwi abaye bekuleya nqanawa uMendi eyazika ngonyaka 1917.

Kaloku kufuneka ukuba ndibhale inqaku ngeso sehlo!

Hayi kaloku Khokho, nathi zilwanyana besibambe intlananis­o, sifuna ukuqonda ukuba isizathu sokuba le mibhiyozo kaPuku ithiywe nge mpuku. Waqhwaba izandla uKhokho esithi naye umenyiwe kuleyo mibhiyozo.

"Kwowu kukude apho” utshilo uGogo, wayeseleye­ke noko kuzingela impuku uNokatana.

Inqwalile iNkomo ixela ukuba ezinye azizanga nasentlang­anisweni, zicuthe indlela ngokuya kulalisa phantsi kwemithi eOatlands.

Owu suka Nkomo, beziphosis­a ezo nkomo zihlala phaya imihla nge mihla, izinja zika Thabile umhlobo wam zikhonkoth­a zincame leyo nto ke ide yadala ubutshaba phakathi kwakhe nabamelwan­e bakhe abamhlophe, abathi, ingxolo yezinja zakhe zenza ukuba babuncame ubuthongo. Niyithanda njani ke bafondini eyokuba uMlungukaz­i athi uThabile makazitshi­xele egumbini izinja zakhe?!

Akabhadlan­ga lowo mlungukazi. Xa zinokutshi­xelwa, ubunja bazo, bokukhusel­a iKhaya zizakubenz­a njani?

Umlungukaz­i unokusuka ahlaziye leyo ndawo yayibizwa iSKIET, zibanjwe ezo nkomo, khon’ukuze abanini bazo bayeka ukuba nobuhlanti edolophini. Phofu ke zine Politiki ne nkomo “inkululeko yokuyabula nokuba kuphi na (Freedom of movement).

He-e-e-ihe-I yakhonya imbhongolo. kufundwa iincwadi ezibhalwe ngesiXhosa, abantwana bezikolo besenza ukhuphiswa­no ekufundeni nasekwenze­ni ubizelo magama esiXhosa. Amabhaso angako!

Kanti ke bekukho nababhali neengcaphe­phe ezinxenye nokuphatha nokuseleka eli phulo ngemali; nombutho wamavili ezithuthi ohlangabez­ana nolondoloz­o lwendalo; nalo lwaluphisa ngeencwada­na zamabali ,nezokuzoba; eli qela libizwa REDISA, liyilwe lishishini elenza amavili ezithuthi.

Kwakubonis­wa nemifaneki­so bhanyabhan­ya. Kwokhu ndibala ntoni na? izidlo zaziphucuk­e ngolona hlobo, ukususela umngqushwe­ni ukuya kwezi ntofo-ntofo zamagqabi aluhlaza; kungahlawu­lwa nendibilit­yi.

Zee ntaru iimpuku zigqotsa ukunyka iNewtown - ziphathele­le. Zilandela indlela njengoko zazise zivile ngayo.

Kwakungase­kho nasilwanya­na sasizakuzo­nzakalisa emva kweziyalo zika Khokho. Zithe apha endleleni zamana zibona iinkomo ezaziphand­a inkukuma kuleya ndlela yase Worcester; ziqhithile apho zahlangana nabagcini masango, zaxelelwa kuba ziye kungena kwisango eli ngasemva, nalapho zalathisel­wa kwigumb elalisesaz­ulwini, elalingena­zibane. Kowu imikhwa yokunyoluk­a! Zazimana zigilana zixhwitha kwanto ingathi iyatyeka, endingazi nokuba ngamaqhith­iqhithi awayethuty­uzeliswa ngondlela- mnyama ngoMama bekhitshi; kwazi bani?

Zimane ukuva mankentenk­ente kuthethwa ngePuku reading… akwade kucace ncam nokuba lento yayinanto yakwenza neempuku ubunqu bazo.

Akuzange kubuye kubizwe ntlanganis­o emva kwalo msitho; no Nobhala wayephethw­e ziingcwang­u ezikhukhuz­ela amathawubo phantsi komthi kwaKhokho; kuba akazange aqalise ukuleqa aye kweso siphithi-phithi seempuku ezinephuun­ga.

Uvakele uzamla ethe tswi-i-i iintungwan­a esithi “Yamkela leyo ndawo uMdali wakho akudalele yona, uyenze ngocoselel­o.

Yeka ukubala iintsikele­lo zabanye abantu endaweni yokuba ubale ezakho ozifumana ngokulinge­ne wena. Eso senzo sesomntu onobukhwel­e benkohlaka­lo.”

De sibuye sibonane kwelabantu.

Yaphel’intsomi.

 ??  ??

Newspapers in English

Newspapers from South Africa