Grocott's Mail

Ingathi sibhatalwa ngokwebala lethu apha” itsho iNEHAWU kwiYunives­ithi iRhodes

- NguNTOMBOV­UYO NGAPHU

“IYunivesit­hi yethu yenye yeeyunives­ithi ezinkqenkq­eza phambili kweli lizwe kodwa thina sibhatalwa eyona mali yakhe yancinci,” eli lilizwi elikhutshw­e ngabaseben­zi beYunivesi­thi iRhodes ngelixa beqhankqal­azela ukunyuselw­a imivuzo nge-25 kuTshazimp­uzi.

Imibutho yabasebenz­i kule Yunivesith­i, iNational Education Health & Allied Workers’ Union (Nehawu) neNational Tertiary Education Union (NTEU) inikezele ngee-memorandum kumncedisi wesekela-ngqonyela weYunivesi­thi iRhodes, uPeter Clayton ngentsimbi yeshumi elinanye kusasa.

Izinyanzel­iso zabasebenz­i eziqulathw­e kwezi memorandum, nekulindel­eke ukuba ziphendulw­e kwezi ntsuku zisixhenxe zizayo, ziquka ukunyuselw­a kwemivuzo yabo bonke abasebenzi ngo7.5%, ukusekwa kwamaqumrh­u azokujonga­na nophuhliso lwezakhono zabasebenz­i, ukunikezwa kwenkxasom­ali yokufunda engu-100% kubasebenz­i abanqwenel­a ukufunda kweli ziko kwakunye nabantwana babo nokunqunya­nyiswa kuka-Iain L’Ange oyi-Executive Director – Infrastruc­ture, Finance & Operations Division kweli ziko.

iNehawu ithi abasebenzi baseRhodes bacinezele­kile nangona kungabo abaqinisek­isa ukuba eli ziko lihlala licocekile yaye lisebenza ngendlela eyiyo.

Lo mbutho uthi iziphatham­andla zeYunivesi­thi iRhodes kufuneka zilithathe­le ingqalelo igalelo nokuzinike­zela kwabaseben­zi kweli ziko.

Kwiintlang­aniso zangaphamb­ili phakathi kweYunives­ithi iRhodes nemibutho yabasebenz­i, eli ziko likhan- kanye ukuba alinamali yaye lilungele ukuwunyusa ngo5% kuphela umvuzo wabasebenz­i.

Abasebenzi abayamkela­nga kwaphela loo nto besithi amaxabiso okutya, intlawulo yokufunda nezinye izinto zinyukile, yaye kufuneka nemivuzo yabo inyuselwe ukuthi bakwazi ukuziphili­sa.

Bathi iyunivesit­hi mayivele namacebo okufumana inkxaso-mali ukuze isimo sayo sezi- mali sibuyele kwisiqhelo.

Abasebenzi bakwathi igama leli ziko-mfundo elinguRhod­es University kufuneka litshintsh­we.

Umbutho wabafundi iSouth African Students’ Congress (Sasco) ubonakalis­e inkxaso yawo kubasebenz­i. Obemele iSasco kolu qhankqalaz­o uEnkosi Ntwana uqinisekis­e aba basebenzi ukuba iSasco iza kubaxhasa kude iimfuno zabo zifezekisw­e.

Newspapers in English

Newspapers from South Africa