Grocott's Mail

Isaqhuba itumente yebhola ekhatywayo EJD Dlepu

- NGUCHRIS TOTOBELA

Inkwankca ibiqhaqhaz­elisa amazinyo, ivalele abathandi bebhola ezindlini ngecawa edlulileyo, kodwa elogcuntsw­ana lidele loo ngqele ligoduke lixolile. Kumdlalo wokuqala iintshatsh­eli ze-makana LFA, i-city Pirates, ibhuqe i-future Stars ngamanqaku amane kwelinye kumdlalo obuthande ukekelela calanye. I-makana Pillars yona izibethele i-riebeck City ngamanqaku amathathu kwamabini, logama i-joza Callies iphumelele ngee-penalty emva kokuba ibambene ngamanqaku amabini macala ne-young killers.

Kumdlalo otsale umdla weloqaqoba­na labalandel­i, i-jacaranda Aces ivene amandla ne-newseekers. Lomdlalo uqale kakuhle omabini lamaqela ezimisele efunza edabini. Kuye kwabonakal­a nje zisuka ukuba lamaqela agqibele kudala udlala, nanjengoko ebebonakal­a ebuthundu phambi kweepali. I-jacaranda Aces iye yophisa kuqala emva komdlalo omhle oqale esazulwini sebala kodwa nayo i-newseekers ayikhange iyekelele.

Kuyiwe ekhefini inkqenkqez­a ngenqaku elinye eqandeni i-aces. Omabini lamaqela abuye aqinisa ngakumbi kwisiqinga­tha sesibini ezama inqaku kodwa kwanzima. I-jacaranda iye yayekelela umxakatho, nto leyo ebangele ukuba i-newseekers ibuye ngamandla inkqunkqa ibuyelela kwiipali zeaces, kodwa abadlali bayo bagquduza bejongene nqo nonozinti izihlandlo ezininzi. Kwimizuzwa­na nje elishumi phambi kokuba kuphele umdlalo i-newseekers iye yafumana i-penalty emva kokuba umdlali wangasemva we-aces ebambe ibhola ngaphakath­i ebhokisini. I-newseekers iye yalifaka elo nqaku ilinganisa amanqaku.

Omabini lamaqela asebenze nzima ezama inqaku lempumelel­o kodwa atsho phantsi kwaqhuma uthuli. Uphele umdlalo ebambene ngenqaku elinye macala. I-jacaranda Aces iye yaphumelel­a ngamanqaku amahlanu kwamathath­u kwiipenalt­y. Imidlalo eyandulela owamanqam izakudlalw­a ngomgqibel­o, owokuqala ngentsimbi yokuqala, kuze owesibini uqale ngentsimbi yesithathu E-JD Dlepu. Owamanqam umdlalo uyakubanjw­a ngecawa ngentsimbi yokuqala.

 ?? Photo: Sue Maclennan ?? Newseekers attacker holding off a Jacaranda defender.
Photo: Sue Maclennan Newseekers attacker holding off a Jacaranda defender.

Newspapers in English

Newspapers from South Africa