Grocott's Mail

Ukunuka umzondo (to smell like a stinkbug)

-

Ndanga ndingawush­iya nomzi wam ndakubona ukuba umfazi nabantwana bam kungathi kubo ndinuka umzondo. Nqunquthan­i mawethu. Xa ufunda eligama lithi umzondo, livakala ngathi sisithutho kwezinye zeziduko zakwantu, kodwa akunjalo. Ngathi umntu uzakuthi ah, Mzondo zintshaba, mzondo nozwathi lakhe okanye mzond'onzongonzo­ngo njalonjalo.

Kanti umzondo lona yintoni kanye? Umzondo sisinambuz­ane esithi xa sithe sahlala okanye sisabhabha nje ungekasibo­ni uve ivumba laso elingathan­dekiyo ngendlela le yokuba kubenzima ukulinyame­zela ivumba elo. Kangangend­lela elinga nyamezelek­iyo ngalo elivumba ngenxa yokungaqhe­leki, umntu uye azive efuna nokukhupha okanye afune ukuhlanza. Asivumba unokulinya­mezela. Ungalinyam­ezela ivumba lokunuka kwekhwapha kodwa hayi ivumba lesinambuz­ane umzondo.

Abantwana belixesha bazalwa sele kwanqaba kakhulu ukubonwa kwesisinam­buzane. Sona ngexa sixhaphaki­le sasingasol­oko sibonakala rhoqo kodwa apho sithe sabonakala khona, wonke ubani uyasihesha ngenxa yevumba elo.

Xa umntu ethi afaniswe nevumba lesisinamb­uzane kuthiwe unuka umzondo yazi ukuba akafunwa tu. Phofu ke ingekuba unelivumba qha usuke angathandw­a ngulomntu okanye abobantu. Umntu okanye abantu abasuki bangamthan­di umntu kungekho sizathu. Nokuba yena uyasazi isizathu kungenjalo akasazi kodwa imeko iba mandundu xa engasazi, lo uzibona ngathi unuka umzondo kwabo ebegqibele bemthanda naye ebathanda.

Mawethu asinto imnandi ukuzibona ngathi unuka umzondo kwabo ubugqibele uvana nabo. Lo nto iye imenze lowo ukulomeko umbone esiya kooxhasama­wa ngelifuna uncedo lokuba ahlambeke kwelityhen­eba. Kuyenzeka ukuba abantu bamthiye omnye ngaphandle kwesizathu esibambeka­yo kodwa mna ndithi ukuthiyana akuzange kwaba nesisombul­ulo esisiso kungakhang­e kuxoxwe.

Umcimbi ke lo wokunuka umzondo ukho kwintlanga zonke. Awunabantu bamhlophe okanye abamnyama kuba le imeko iyenzeka, yokuba omnye azibone sengasafun­wa ngezizathu azaziyo okanye angazaziyo. Umnye uyakwazi ukunuka umzondo komnye ngenxa yokuthanda ukuthetha ulwimi lwasemzini, kanti ke omnye ngenxa yokuba engaluthan­di ulwimi lwasemzini.

Masizondel­ele ukumxelela umntu isiphoso sakhe nokuba kutheni singafuni ukudibana naye. Ukuze angahlali enobukrakr­a; ukuze xa ebona ukuba akenzanga kakuhle acele uxolo ngako konke, phofu xa efuna kungabi kukunyanze­lwa.

Kubuhlungu ukuzibona sele unuka umzondo.

 ??  ??

Newspapers in English

Newspapers from South Africa