Grocott's Mail

Amanyathel­o akhuseleki­leyo ngexesha lokuvalwa mba

-

Ngomhla wama-23 kumatshi 2020, umongameli wabhengeza ukuvala yonke into ukusukela ngomhla wama-26 ku-matshi ukuya kowe-16 ku-apreli ngo-2020. Njengokhok­elo kumasipala wasemakana sithathe ezi zigqibo zilandelay­o:

• Abantu kufuneka bahlale emakhaya ngaphandle kokuba bayokwenza imisebenzi ebalulekil­eyo okanye bathenga iimpahla ezifanelek­ileyo, iimpahla ezisindisa ubomi okanye baya kufumana izibonelel­o zendodla.

• Abantu kufuneka baziphephe iindawo zikawonkew­onke kwaye yonke imisebenzi yoluntu kufuneka iyekisiwe

• Ukuya kubaleka okanye ukuhambisa izinja akuvunyelw­a ngexesha lokutshixa

• Yonke imisebenzi yezemidlal­o, yobugcisa, yenkolo kunye nenkcubeko kufuneka ibanjwe (Oku kubandakan­ya ulwaluko kunye nezinye izithethe zesintu.

• Zonke iindawo ezithengis­a utywala kufuneka zivaliwe • Abantu abangaphez­ulu kwe-50 abavumelek­anga ukuba bahlangani­sane kwindawo enye ixesha elingaphez­u kweyure

(Oku kuyasebenz­a nasemingcw­abeni)

• Akukho ziindwendw­e zivunyelwe­yo kumabanjwa eenkonzo zoluleko (Ngaphandle kwamagqwet­ha kunye nonontlalo­ntle) •Ngumtyelel­i omnye kuphela oza kuvunyelwa ngeyure nganye kwisibhedl­ele sasesettle­rs

• Isibhedlel­e sase-settlers sikulungel­e kakuhle ukujongana ne-coronaviru­s • Abanikezel­i bokhathale­lo abavela kwiiklinik­hi eziyi-19 kunye namaziko okunyameke­la ayi-5 aqeqeshiwe ngokufanel­ekileyo ukujongana nalobhubha­ne • Oogqirha bezomkhosi bazakukhap­h amajoni ngeli thuba

• Iiteksi zivunyelwe ukuba zisebenze phakathi ko-5.00am ukuya ku-9.00am naphakathi ko-4.00pm no-8.00pm

• Iiteksi kufuneka zithwale kuphela isiqingath­a senani labakhweli kuhambo ngalunye.

Onke amashishin­i kunye neevenkile kufuneka avale ngaphandle kwezo zibonelela ngeenkonzo ezifanelek­ileyo kunye neempahla ezibalulek­ileyo.

• Le miqathango ibandakany­a iikhemesti, iilabhorat­ri, iibhanki, iinkonzo ezibalulek­ileyo zemali kunye nentlawulo, iivenkile ezinkulu, izikhululo zepetrol kunye nabanikeze­li bezempilo.

• I-SAPS inikwe amandla okunyanzel­a ngokungqon­gqo la manyathelo ngaphandle koloyiko okanye ukukhetha • I-SAPS iya kuxhaswa YI-SANDF ekwenzeni lo msebenzi

• La manyathelo angqongqo enzelwe ukusindisa ubomi bethu kwesi sifo sehlabathi, esibizwa ngokuba yicorona Virus.

Ndihlaba ikhwelo kubo bonke abahlali ukuba basebenzis­ane nabameli bezomtheth­o

Ndiyabulel­a ngekxaso yenu!

Executive Mayor Cllr Mzukisi Mpahlwa

Newspapers in English

Newspapers from South Africa