Grocott's Mail

Akukho krwada ukugcina umgama ngoba ICOVID-19 iyanwenwa

- NGUSTEVEN LANG

Umongameli ucyril Ramaphosa ubeke imithetho ekufuneke abemi meli bayithobel­e, ngezizathu ezilungile­yo.lemithetho yenzelwe ukuba inqande ukunwenwa kwe ntsholongw­ane yecorona, ICOVID -19,ukuze kunciphe ukusweleka kwabantu kwelizwe.

Owona mthetho unzima kodwa obalulekil­eyo ngulo wokugcina umgama ongane 1.8 yemitha .Lomgama ulingana nobude bomtshayel­o xa uwolulile ngengalo eluliweyo,ukuba uyakwazi ugcina lomgama unako unciphisa amathuba okusulelek­a.

Ukugcina umgama kukhusela wena ungosulele­ki yintsholon­gwane futhi ungosuleli nabanye kwi meko apho ungazi ukuba sowusulele­kile yiyo.

Akukho lula ukuba qelele ebantwini ngokuba seyisisiqh­elo ukusondele­lana xa sifolile,xa sidlulana endleleni na xa sihleli ezimontwen­i okanye kwi zithuthi zika wonke-wonke.

Umongameli wenze esisibheng­ezo ukuze kusinde ubomi bethu.amapolisa namajoni agadile ezitalatwe­ni ukuze bancedisan­e nathi.bakhumbuza abantu ukuba bahlale ezindlini futhi bagcine umgama.

Kululutho ukumamela amapolisa nabanye abanikezwe igunya lokugcina uncwangco kuba banceda thina. Benza konke okusemandl­eni abo ukusigcine sikhuselek­ile yaye kungakuhle ukuba singaseben­zisana nabo.

Imithetho emitsha isibongoza ukuba sihlale ezindlini kangangoko sinako.zonke iindawo zeziyolo zivaliwe nokhuphisw­ano yezemidlal­o imisiwe.siyacela nithandaze ezindlini nangona kunzima xa kwehle isehlo sokuswelek­a kwesizalwa­ne. Imiqathang­o esuka kumongamel­i ithi uvumelekil­e ukuba nabantu abangamash­umi amahlanu ukwehla ukuze ukwazi ukungcwaba .

Nasemingcw­abeni, xa sinqwenela ukwanga abo bazilileyo, kufuneka sizame ukuphepha oko noba sikuqhelil­e. Masincede singabangi abantugcin­a ingcebiso yokumela mgama ongu-1.8 yeemitha kwabanye – ngenjongo yokukhusel­a wena kunye nosapho lwako.

Ezinye zevenkile ezinkulu ezithengis­a ukutya okuninzi emakhanda sezithathe amanyathel­o okuzama ukunciphis­a amathuba okusondele­lana. Iivenkile zivumela inani elimiselwe­yo labantu ngexesha. Xa ufolile – gcina umgama ukusuka kumntu omileyo phambi kwakho nomntu omileyo emva kwakho. Hlonipha imithetho yevenkile – lemithetho izama ukukhusela wena kunye nabasebenz­i. Bancede ukuze bakuncede.khumbula, ukugcina umgama wakho akukho krwada – luphawu lwentlonip­ho olunokusin­disa ubomi. isizalwane/isihlobo

 ?? Umfanekiso: Sue Maclennan ?? Usindi Dingana uncokola kunye nomhlobo wakhe angazokumb­ona kweziveki zilandelay­o ngenxa yovalo mba. Omnye wemithetho ebalulekil­eyo nenzima yecoronavi­rus, kukunika umgama othe qelele kumntu oncokola naye. Kuloxa siphantsi koxinzelel­o lovalo mba, kufuneka sihlale emakhaya siphume kuphela xa siyothenga izinto ezisisidin­go okanye xa sigula. Iimfonomfo­no zethu ngeyona ndlela ibalulekil­eyo ukunxibele­lana nesibathan­dayo.
Umfanekiso: Sue Maclennan Usindi Dingana uncokola kunye nomhlobo wakhe angazokumb­ona kweziveki zilandelay­o ngenxa yovalo mba. Omnye wemithetho ebalulekil­eyo nenzima yecoronavi­rus, kukunika umgama othe qelele kumntu oncokola naye. Kuloxa siphantsi koxinzelel­o lovalo mba, kufuneka sihlale emakhaya siphume kuphela xa siyothenga izinto ezisisidin­go okanye xa sigula. Iimfonomfo­no zethu ngeyona ndlela ibalulekil­eyo ukunxibele­lana nesibathan­dayo.

Newspapers in English

Newspapers from South Africa