Grocott's Mail

Khorona ndokubonis’ amabel’enyoka

-

The imbongi is pointing to Corona promising it that he will meet it one day and Corona will run away. People will eventually overcome this pandemic, he says.

Mfazwe yezulu lezandla ayisenzang’anto Mfazwe yobunyoka nokusinyem­ba ayihambela­nga ndawo

Nditsho nale yokusigxob­ha uxolo lungabikho

De kwangenisw­a neziyobisi zisidungad­unge Kuba asina mizi iziphekayo

Kodwa kuzele zizo lokishini zonke Hehaaaake!yangena ikhorona-na-n!

Kwakuba lapho le ikhona ndiyibonis’amabel’enyoka Ndiyivezel’amanqe am ndingena lusini Ndiyidlaka­ze ndiyiyuce

De iphelelwe ngumoya ndiyikrwit­she Indibonge idomboze icele uxolo Ndihlale phezu kwentloko ndiyitsale ngendlebe

Khorona ndiza kubonis’amabel’enyoka Kwaxhos’asinayo le ntetho Kodw’amabel’enyoka sikuvule amehlo Ukuba amantshont­sh;enyoka afunxa phina Akhuliswa yintoni na atyebe abe tukutuku Kodwa unina namabele sibe singababon­i

Sindulukil­e ukuya kuhlangula isizwe Ethupheni lakho siphumela ebunzimeni Uza ngeendlela ezimnyama njengomtha­kathi

Uza ngomsinga kanti ubuze ungukhoron­a qha

Ngoku uliwa ngeentlobo ngeentlobo Buyel’aph’ubuvela man asikudini

Inene ndokubonis’amabel’enyoka

 ??  ??

Newspapers in English

Newspapers from South Africa