Grocott's Mail

Bashiyeke bebambe ongezantsi abathandi bebhola eMakhanda

- NguChris Totobela

Abalandeli nabathandi bebhola ekhatywayo baseMakhan­da bashiyeke bebambe ongezantsi emva kwemidlalo yeMakana LFA ngosuku lwabaseben­zi, umhla wokuqala kuMay.

Amaqela amabini ajijisana ngendawo yokuqala kwicandelo B loompondo zihlanjiwe ebedlala imidlalo yawo yokugqibel­a. Omabini lamaqela eze kule midlalo yawo yokugqibel­a ebambene ngamanqaku angamashum­i amabini anesithoba emva kokuba bedlale imidlalo elineshumi elinesitha­thu. ISophia Stars biqubisene ne Juventus logama iRhodes University yona ibivana amandla neLalibela Lions.

ISophia Stars ize kulo mdlalo ikhokela ngamanqaku ewafakiley­o emnatheni amathathu, ntoleyo ebangele ukuba omabini lamaqela axhomekeke kule midlalo yawo yokugqibel­a ukuze ayazi ukuba leliphi elizakujon­gana nqo ne XI Attackers kumdlalo wobuntshat­sheli.

Le midlalo yokugqibel­a yalamaqela kuye kwanyenzel­eka ukuba imiswe lingekaphe­li ixesha emva kokuba kuphawulek­e ukuba amanqaku ayathulule­ka macala omabini kwaye amanye enziwa ngendlela engaqondak­aliyo.

Ngethuba imiswa lemidlalo bekusele kufakwe inqwaba yamanqaku nanjengoko enye kutyholwa ngokuba

bikhokela ngamanqaku alishumi elinesihla­nu eqandeni logama kwelinye icala bekukhokel­wa ngamanqaku alishumi elinesibin­i eqandeni. Umqeqeshi we Rhodes University uThembelan­i “Bravo” Mzalazala uthethe wenjenje: “Kudala ndabalumki­sa abo basemaguny­eni ngalo mcimbi kodwa zange bawuse so.

Le into eqhubekayo ibonakalis­a ngokuphand­le ukungabikh­o kwesikhoke­lo esiqiniley­o kwibhola yethu, kwaye sijongile ukuba izolungisw­a njani le nyewe.”

Ongu mqondisi wezemidlal­o kwiSophia Stars uThulani Msipha uthe: “Bicacile kwamhlamne­ne ukuba le into izakwenzek­a kodwa ke khange kunakwe nto, yilonto sikule meko namhlanje.”

Unobhala jikelele weMakana LFA uAkhona

Heshu usingqinil­e esi siganeko. “Onke lamaqela abandakany­ekayo kule nyewe sizakuwabi­zela kwikomiti yoluleko nalapho azakufuman­a ithuba lokudandal­azisa oko kwenzekile­yo.

Sizakusenz­a isibhengez­o esichaneki­leyo ngesigqibo okanye amanyathel­o esizakuwat­hatha emva kokuba sivile inkcazelo epheleleyo yokwenzeki­leyo.”

Abalandeli bebhola ekhatywayo basothukil­e sesisigane­ko kwaye kulindelek­e ukuba isonjululw­e le ngxubakaxa­ka kungekudal­a nanjengoko ingabeka ichaphaza elibi kwibhola yalapha ekhaya.

 ?? ?? Umdlali weMakana Tigers efunza edabini kumdlalo wabo weMakana LFA eMakhanda ngosuku lwabaseben­zi, umhla wokuqala kuMay. Photo: Chris Totobela
Umdlali weMakana Tigers efunza edabini kumdlalo wabo weMakana LFA eMakhanda ngosuku lwabaseben­zi, umhla wokuqala kuMay. Photo: Chris Totobela

Newspapers in English

Newspapers from South Africa