Akafumenanga bheyile obulele ugxa wakhe!

Isolezwe lesiXhosa - - IINDABA - ABONGILE GINYA

UZA kubuyela kwakhona kwinkundla yamatyala eGcuwa kuMvulo ozayo uQiqa Mabunde onamashumi amabini anesihlanu, ojongene netyala lokuhlaba abulale ugxa wakhe ogama linguYandisa Bacela nonamashumi amabini anesibhozo ubudala. Ngokwengxelo ephuma kwiSithethi samaPolisa uKapteni Jackson Manatha, uMabunde akanikwanga ibheyile yinkundla ngoMvulo ngethuba evela.

UManatha uthi uMabunde ebe kunye noBacela kwilokishi yaseZithulele eGcuwa ngoMgqibelo ngethuba behlabana. Unobangela wokubulalana kwabo awukaziwa, usaphandwa.

Kusenjalo, amapolisa aseGcuwa abongoza nabani na olahlekelwe sisihlobo sakhe angasaziyo apho sikhoyo ekubeni atsalele isikhululo samapolisa aseMsobomvu.

Oku kulandela emva kokuba kubhaqwe indoda engaziwayo sele ibhubhile, nekuqikelelwa ukuba inama44 eminyaka ubudala.

Onolwazi angatsalela kwezi nombolo: 047 4920 180.

Abahlali belokishi iMlungisi eCumakala batshise izakhiwo zikamasipala iAmahlathi kunye Clinic apho betyola khona umasipala ngokungalunaki ulutsha Umfanekiso: BHEKI RADEBE

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa

© PressReader. All rights reserved.