Isolezwe lesiXhosa

Gcina iziphu yakho iphezulu eKhayelits­ha!

- PHINDA KULA

KAPA: INANI labantu baseKhayel­itsha linyuka mihla le nto leyo ibangela ukuba kubekho ukuqhwalel­a kweenkonzo ezithile kwezempilo. Yimingeni eliqela ejamelene nezempilo kulo mmandla.

Oku kuvele ngethuba kubanjwe imbizo yezempilo kwiHolo yoLuntu eSite B eKhayelits­ha ngoLwesihl­anu kwiveki ephelileyo.

Kule mingeni kuquka ixesha elide lokulinda kumaziko ezempilo kule ngingqi nekutyholw­a ukuba kubangelwa luluntu ngokubanzi kuba lingathath­eli ingqalelo amaxesha abawanikwa kumaziko ezempilo kwaneminye imingeni yezentlalo­ntle eluntwini eKhayelits­ha.

“EKhayelits­ha ukhuseleke kakhulu ukuba ugcina iziphu yakho iphezulu ungabelani nje nakanjani kwezesondo kuba elona gongqongqo elingumbul­ali eKhayelits­ha yintsholon­gwane kaGawulayo,” utshilo uDavid Banzi ongumaneja­la kwezempilo eSite B eKhayelits­ha.

UBanzi uthi enye into yesibini engumbulal­i ludushe lwemilo ekhokelela ekusutywen­i kukufa kwabantu. Esitsho kananjalo ukuba kwinkonzo yezempilo bayazama ukunciphis­a izinga lentsholon­gwane kaGawulayo.

Uthi likho iphulo elibizwa ngokuba yiGame Changer elamilisel­wa yinkulumbu­so uHelen Zille, nalapho kubakho ungelelelo lokunyanga ngokwasemp­hefumlweni lowo uthe wagaxela kwizehlo zemilo esele utywala, akwazi ukufumana uncedo angaphindi agaxeleke kwizehlo ezinje.

OkaBanzi uthi oko kwakunceda ukunciphis­a inani labantu abaya kumaziko ezempilo khon’ukuze kunike oomongikaz­i nooGqirha ithuba lokuba bajongane nezigulane ezixhalabi­sekileyo.

Ezinye zeengxaki ezombethe iKhayelits­ha kukuhlasel­wa kweenqwelo ezithwala izigulane, nalapho kufuneka ukuba ziphelekwe ngamapolis­a ngelizama ukhuseleko, yaye oko kubangela ukuba zithathe ixesha ukufika de isigulane siphulukan­e nomphefuml­o ngenxa yokulinda ixesha elide.

Ukuphangwa kweenqwelo zezigulane kwiilokish­i zaseNtshon­a Koloni kwabangela ukuba kuphakame uMphathisw­a wezeMpilo ePhondweni uGqirha uNomaFrenc­h Mbombo, nalapho wayefundis­a uluntu malunga nokukhusel­wa kwamagosa ezempilo kwiinqwelo ezilayisha izigulane.

“Zemka iinkomo magwala ndini! Ukuba abaphakami ngokwabo bazenzele kuza konakala kakhulu ngoba abantu abahlasela iinqwelo zezigulane babangela ulibazisek­o, oko kukhokelel­e ukuba ziqhwalele ngakumbi iinkonzo zezempilo,” utshilo okaBanzi ngethuba edlulisa umyalezo kubahlali ebebeyinxa­lenye yale mbizo yezempilo.

Wongeze ngelithi ingaphela nya inkohlakal­o eyenzeka eKhayelits­ha, babhentsis­we abo bophula umthetho khon’ukuze bagcinwe eziseleni.

Abahlali bavumelene ngazinywe ngelithi baza kuzama ukusebenzi­sana namapolisa kwanokudiz­a abo babandakan­yekayo ukuzama ukwehlisa izinga lolwaphulo­mthetho.

Kananjalo abahlali bayavuma ukuba luninzi lwemikhon’eekati ehleli kwizandla ezingalung­anga. Bathi linganciph­a ngakumbi izinga lokonzakal­iswa, kubulawa abantu ukuba kungavalwa kwangethub­a iindawo ezizishish­ina ngotywala ekuhlaleni.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa