Isolezwe lesiXhosa

Undabamlon­yeni wePotsoyi

- PHINDA KULA

KAPA: KUQHUTYWA uphando malunga nesiganeko sokudutyul­wa kubulawe umntu kumnyhadal­a owaziwa ukuba yiPotsoyi ububanjwe eKapa. Esi siganeko sehle ngoMgqibel­o umhla wamashumi amabini kule nyanga.

Isithethi samapolisa eNtshona Koloni, uNoloyiso Rwexana, uthi akukho mntu sele ebanjiwe. Oku kulandela emva kokuba indoda enamashumi amabini eminyaka ubudala idutyulwe yawunabela uqaqaqa.

IPotsoyi ngomnye weminyhada­la yomculo omkhulu nobubanjel­we eOstrich Range kufuphi nasePhilad­elphinda eNtshona Koloni.

Esi siganeko sibangele ukuba abaququzel­eli balo mnyhadala bawunqumam­ise ngesiquphe, yaye nalowo ebekulinde­leke ukuba onwabise abantu ngomculo oyimvumi yeHipHop uAKA ukhabe ngawo omane ukuba angacula emva kokudutyul­wa kubulawe umntu phambi kokuba akhwele eqongeni.

“Ngelishwa kudutyulwe kwabulawa umntu kule Potsoyi kwimizuzu embalwa edlulileyo yaye amapolisa awuvalile lo mnyhadala, ndiyaxolis­a,” ubhale watsho kwikhasi lakhe leTwitter uAKA kanye kwimizuzu engephi sehlile esi siganeko ePotsoyini.

“Ukuvalwa kwesiquphe kwePotsoyi kulandela ukubulawa komntu ebezimase lo mnyhadala,” utshilo ongumququz­eleli uKagiso Kalane.

Uthi iPotsoyi ayiyoPotso­yi ukuba uluntu luza kuphulakan­a nemiphefum­lo.

UKalane uthi emva kwesi siganeko sangoMgqib­elo baphuluken­e nephupha labo kuba lo mnyhadala ulungisele­lwe ukudibanis­a yaye wonwabise uluntu.

Esitsho kananjalo ukuba bathathe isigqibo sokurhoxis­a iinzame zabo zokuqhubek­a nezicwangc­iso zalo mnyadala.

Ukanti lo ibingunyak­a wesihlanu uqhuba lo mnyhadala nobutsala umdla kuninzi lwabantu kweli.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa