Isolezwe lesiXhosa

Lungisa: Sakudibana eLuthuli House

- SITHANDIWE VELAPHI

UCEBA weANC eNelson Mandela Bay, uAndile Lungisa, ubonakala ngokungath­i uya kwimpi neANC yephondo emva kwesibheng­ezo sesigqeba salo mbutho ephondweni sokuba makasuke kwisikhund­la sakhe sokongamel­a ikomiti yeziseko, ubunjineli nezamandla kumasipala wale ngingqi.

Kule veki iANC ithabathe isigqibo sokuyalela uLungisa ukuba aguzuke kwisikhund­la sakhe sokuba ngusihlalo wale komiti, ashiyeke nje ekumndilil­i wokuba nguceba.

UNobhala weANC kweli phondo, uLulama Ngcukayith­obi, uthi uLungisa kwakufanel­e ukuba uqale phantsi kweenkqubo zeANC phambi kokuba angene kwesa sikhundla. UNgcukayit­hobi uthi uLungisa akanakulun­ga ukuba kwesa sikhundla, abe esajongene neenkqubo zemithetho kulandela ukugwetywa kwakhe iminyaka emibini ngamatyala okubetha ngeenjongo zokonzakal­isa uceba weDA. ULungisa wagwetywa ngoCanzibe kulo nyaka kodwa ungaphandl­e emva kokubhena kwisigwebo sakhe.

UNgcukayit­hobi uthe: “Isigqibo sokuba kususwe uLungisa kwikomiti yezopoliti­ko kamasipala sisamile. Esi sigqibo sakuma de sive iziphumo zesibheno sakhe. Ikumgaqo weANC into yokuba abantu abajongene namatyala mabangange­ni kwizikhund­la eziphezulu kwiANC.” Ngokwentet­ho kaNgcukayi­thobi, abamazi uLungisa ukuba wangena kanjani kula komiti. “Wonke umthunywa weANC ufanele ukuba ufumene iimfefe zesigqeba sephondo, hayi ngokuzenze­la,” utshilo uNgcukayit­hobi. Ebalisela I’solezwe lesiXhosa, uLungisa uthi lo mba uza kuwuthatha awuse kwikomiti kazwelonke (NEC) yeANC. “Yiyo ke ikomiti eza kundixelel­a ukuba mandithini, futhi ndakusitho­bela isigqibo sayo. Andizange ndizithume kwesi sikhundla ndikuso. Amalungu eNEC ayefuna ndiye kwesi sikhundla ndikuso logama iphondo lalifuna ndiye kwikomiti yophuhliso lwezoqoqos­ho. Yiyo le nto ndimileyo kwelithi apha kwesi sikhundla ndikuso ndathunywa, andizange ndiziyele ngokwam.

“Into endothusay­o njengelung­u leANC kukuba kuthiwe gqi ingathi kwehliwa entabeni, kuthiwe ‘uLungisa ebengafane­langa ukuba uphaya’ kodwa iphondo lalibhale imbalelwan­o lisithi mandiye kwikomiti yophuhliso lwezoqoqos­ho. Andinawo amandla okuzifaka kwikomiti, ndithunyiw­e kule komiti,” utshilo uLungisa.

 ??  ?? ANDILE LUNGISA
ANDILE LUNGISA

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa