Ndicela uncedo!

Isolezwe lesiXhosa - - IINDABA - - Syvia, eKapa

MAWETHU ndicela uncedo, soze ndixole tu de ndincedwe, ndaphangela kwinkampani yemoto ishumi elinethoba leminyaka ndaziyekela ngo2011, ndanditsalelwa imali yeUIF.

Ndiyayazi uba awuyifumani xa uziyekele kodwa xa uphinde wasebenza noba ziinyanga zintathu kwaphela icontract unikwa into ekuthwa yi-UI19 uyofaka eLabour, ivuselele zonke iimali zendawo owawusebenza kuzo noba wawuziyekela kodwa mna kwathwa ixesha layo lidlule le ye19 leminyaka, kodwa igama lenkampani liyavela. Ndibhala ngentliziyo ebuhlungu, imali yam engaka yayitsalwa kum. Ndincedeni mawethu! [Bhota, umbuzo wakho siwuthumele kwiSebe lezeMisebenzi]

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa

© PressReader. All rights reserved.