Ezingakukhuphiswano lwe2019 AutoTrader SA Car of the Year Ezintsha kwezeemoto

Isolezwe lesiXhosa - - EZEMOTO NEENCWADI - NoSisanda Mbete

OKOKUQALA, sivuyisana nentatheli yethu kwezeemoto, uSisanda Mbete, apho iqumrhu lezobuntatheli kwezeemoto iSouth African Guild of Motoring Journalism (SAGMJ) imnyule ukuba abekwiqela leejaji ezizokuvavanya ziphicothe intlobo ngeentlobo zeemoto, ukuze kubhengezwe leli qumrhu ukuba licinga yeyiphi imoto eyeyona iphuhlisa isimo seemoto kwezo bezathulwe kweli laseMzantsi ukusuka ekupheleni kwale nyanga ukubuyela emva kweyeDwarha kunyaka odlulileyo.

Masingene kuluhlu lwezo moto ezinokungenela olu khuphiswano. Abakwa-AutoTrader bedibene neSAGMJ baphawule iimoto eziyi-31 ezintsha. Uninzi lwezi moto sesinethuba esilichithe nazo, sabhala ukuba sicinga ntoni ngazo. Zikhona ke ezithile esizokuzama ukuba sizifumane kuvavanyo, phambi kokuba kufike inyanga yoKwindla kunyaka ozayo, xeshikweni kuzokubhengezwa imoto engungqaphambili kwezi.

Kwezo zikuluhlu, masiqale kwesizivavanye ukusukela ekupheleni konyaka odlulileyo. I-Alfa Romeo Stelvio eyiluhlobo lwe-SUV yokuqala ukwakhiwa ngulo mzimveliso wamaTaliyani. Ukhona umancane wesishwapa iHyundai i20, Jaguar E-Pace, umancane weSUV kulo mzi waseNgilane, isicagogo seSUV iRange Rover Velar.

Umakoya weSUV iMitsubishi Parejo Sport ukhona kuluhlu neNissan Micra. Abakwa-Opel bebekhe basothusa ngokuhamba koGeneral Motors, kodwa abakwaPeugeot Group bathenga uOpel basithi jize ngeOpel Crossland X neGrandland X ukusibonisa ukuba abayi ndawo, basezokuthengisa iimoto zabo apha kweli.

Intandane kwezifikelelekayo, nguwonke-wonke iRenault KWID ikhona, iSuzuki Dzire neSwift zikho nazo. Sibe sigqibelisa ngeVolvo XC40 ethembisa ukuhamba phambili – xa sibona ukuba ibiwola iindebe zamakhuphiswano kumazwe amaninzi umhlaba jikelele.

Kwezo silangazelela ukuba sikhe sizigcine kuthi iveki epheleleyo yovavanyo zezi zilandelayo: Aston Martin Vantage engumgrugra we-sports car. AbakwaHaval bebefika nje kulo nyaka udlulileyo, kdwa sebetshintsha iingcinga zabantu okokuba ezaseChina ziimoto zekhwalithi encomekayo. I-Haval H9 ngubhazalala weSUV enika umthengi okuninzi kwixabiso eliphantsi kwela nqanaba ikulo. I-Honda Amaze esand’akufika ekuqaleni kwale nyanga asikayivavanyi kakuhle, nayo iCivic Type R eyisisitshisa sesishwapa (hothatch).

I-Hyundai i10 sisayilindele neHyundai Kona entsha eyiyintlobo esisishwapa esichophileyo (crossover hatchback). Ezithile ke iimoto zikwinqanaba eliphezulu, siye singazikhathazi nakakhulu xa singazifumani kuvavanyo. Ezi ziiLexus ES, Lexus LS, Lexus RX-L, neMaserati Levante S.

“Hey, Mercedes!”, bekukhe kwanguxakeka ngenxa yale ntetho kwezomnatha ukufika kwayo iMercedes-Benz A-Class, nebhaki entsha yeli khaya i-X-Class ithembisa ukuzisa okutsha kwezeevantyi eMzantsi.

Abakwa-Porsche bebesezindabeni ekuqaleni kwalo nyaka, ngenxa yokuba besoloko beyithatha indebe kolu khuphiswano rhoqo xa belungenele. Kulo nyaka bakhuphisana ngePorsche Cayenne entsha. I-Renault Duster neMegane RS zikhona. ISuzuki Jimny sizoyivavanya kule veki izayo. Siyakrokra ukuba xa sekuphela inyanga yoMdumba kulo nyaka uzayo, sobe sesifumene ithuba lokuvavanya iToyota Aygo, Toyota Yaris neVolvo XC60.

Nazo ke zonke esizothatha inxaxheba ekuzikhetheni, ukuze olu luhlu lunciphe kancinci ekupheleni kwale nyanga izayo. Silandele kuTwitter ku@

ilisolezwe, kuFacebook ku-Ilisolezwe nentatheli yethu ku-Instagram ku-@dozerdrives.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa

© PressReader. All rights reserved.