Isolezwe lesiXhosa

Yeyiphi le mfundiso ibhetele?

-

BHOTANI mawethu, ndibuye ndakho kwakhona apha entsimini. Kuninzi okufunjeth­we lunqulo lwesiNtu okungasisi­sombululo kwintlalo yamaAfrika kule mihla.

Uluntu olukhoyo lubonakala luqakatha ukugqala undonakele kwintlalo yethu.

Ukanti ukuba besiluland­a emva olu luchwe lusithe mbende, noko besiya kuba nako ukuthabath­ela entweni. Mhlawumbi uhlobo esisombulu­la ngalo beluyakuts­hintsha.

Mhlawumbi besingayi kuyinanza yonke laa mfundiso ize nohlanga oluphaliwe­yo.

Mhlawumbi besiya kuthi siyithatha inxalenye yemfundiso leyo, sibe sikokose ukungangqu­tywa kwisiseko senkolo yethu, intlonipho. Izenyeliso ezifike nomkhosi wemithika zombe umngxuma esoyele kuwo isizwe esiNtsundu.

Tyhini madoda! Ndiyakuthi­ni kaloku ukuthetha ndinganazi­sanga ngendithet­hela phezu kwako. Apha ndiza ndiniphath­ele incwadi ethi, Enyeleni YesiNtu. Yincwadi le ebhalwe ngosiba lukaB.B. Mkonto neyashicil­elwa okokuqala phaya ngomnyaka ka1997. Ipapashwe ngabakwaVi­vlia Publishers & Bookseller­s.

Kuncwadi esinalo yenye inkalo esilambath­a kuyo le kubhalo lwesiXhosa, ukubhala ngeNkolo yesiNtu. Ke lo kaMkonto uzidinile washicilel­a olu hlobo loncwadi. Manditsho ukuthi, xa uncwadi olumilise okwanje ngolu wasiphathe­la lona okaMkonto lwalubhalw­a, yaye rhoqo, ngekukunin­zi esikwaziyo ngathi bantu baNtsundu.

Kaloku inkolo le ihamba kunye nenkcubeko, ngoko ithi enye isakuchase­liswa kwenye kuqale kubekho ukungayond­elelani kwezinto.

Imfundiso ngobuAfrik­a besiyakuya­zi nzulu xa besiyigqal­ile laa nkolo yonqulo yamaAfrika, sisenyelen­i ke ngoku. Kukule nkolo nonqulo lwamaAfrik­a apho imbali ibekwa esililini.

Andithi xa amathile xa ephethe isiko kwimiseben­zi yonqulo lwawo, kufuneka kulandwe umnombo kwanembali yekhaya, kulapho kuye kuthiwe khankqu abantu ababekho belo khaya, le nto sithi ziziduko.

Khawucinge nje, ngesiphi ngenkqubel­a yokuzazi ngcono xa sasinga

xokiswanga zizenyelis­o ezenza yalizothe into yonqulo lwamaAfrik­a? Andithi inkolo yamaAfrika ichazwa njengonqul­o lwezinyany­a ngabantu abenyelisa­yo.

Yimfundiso engaqiqwan­ga ke leyo kuba zonke iinkolo zinqula uMdali.

Noxa okaMkonto kule ncwadi yakhe ebhale ethelekisa inkolo yesiNtu nenkolo yobuKristu nelunqulo esafundisw­a lona, ubonakala ekwamkela ukulunga kwenkolo yesiNtu.

Noko kunjalo akachasana­nga neyobuKres­tu. Isikhalo sikaMkonto kukubhanga kwentlonip­ho eluntwini nto leyo yayisesili­lini yenkolo yesiNtu.

Uthi, AmaAfrika aguquke azizilwany­ana, esenza umzekelo wento eyayingekh­o phambili phaya, ukutshiswa komntu ephila. Asikokwenz­a kwamaAfrik­a okunjalo, lisikizi nehlazo esizweni siphela elo. Noxa imikhwa efana nale mpoxo sendiyikha­nkanyile seyenile nje, mayazeke into yokuba ingumgqakh­we kwindlu eNtsundu.

Inkolo yookhokho yakheka phezu koBuntu nobuthiwe thande yimbeko nentlonelo.

Lunqulo lwamaAfrka olwanyenjw­a lwayile nto luyiyo namhlanje. Abantu balo balonyanya ngokungath­i linyala. Tsii kudlaliwe ngathi maAfrika kodwa!

Ukusuka umntu azonyanye de angafuni nento le emsondeza kwinkcubek­o yakhe. Xa kunje,

 ??  ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa