USenong uza kuncedisa Abantwana

Isolezwe lesiXhosa - - EZEMIDLALO -

UMQEQESHI waBantwana, uSimphiwe Dludlu, ukwamkele ukuqukwa kukaThabo Senong njengomnye wabaqeqeshi abaza kuncedisa kwiqela lakhe.

USenong uyinxalenye yeqela lesizwe lamantombazana adlala ibhola ekhatywayo asenkampini eGoli – apho alungiselela indebe yehlabathi (FIFA World Cup Under17) eza kusingathwa lilizwe laseUruguay kwinyanga ezayo.

UDludlu ucinga ukuba amava kaSenong, oye naMajita kwiNdebe yeHlabathi kunyaka ophelileyo, anganalo igalelo elibonakalayo.

“Sichonge uThabo Senong njengomlawuli weqela kwimidlalo yendebe yehlabathi ngoba sicinga ukuba ikhona into esinokuyincanca kumava wakhe,” utshilo uDludlu kwiSafa.net.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa

© PressReader. All rights reserved.