Isikhulu seSaru sithetha ngoRassie

Isolezwe lesiXhosa - - EZEMIDLALO -

UMONGAMELI weSouth African Rugby Union (Saru), uMark Alexander, uthi iinguqu ezenzeka kuMabhokobhoko phantsi kukaRassie Erasmus ziya zithethela ngokwazo.

Phantsi kukaRassie kubekho ukukhula kwenani labadlali abamnyama kwade kwachongwa noSiya Kolisi njengoKapteni weSpringbok.

Umongameli weSaru uthi ekugqibeleni kwiqela lesizwe kukho abadlali beentlanga futhi ezimele uMzantsi Afrika ngokufanelekileyo.

“URassie wayibeka yacaca kwantlandlolo eyokuba zingenziwa iinguqu kubekho impumelelo kwangaxeshanye. Wasixelela okokuba uMzantsi Afrika unabo abadlali abanokuyibetha iNew Zealand kwaye ukubetha yona yeyona nto iqela elinokuzijonga kuyo inkqubela eliyenzayo,” utshilo uAlexander.

IThunderbirds Ladies yaseGcuwa isahleli kwindawo yokuqala kuluhlu lwamaqela eSasol League.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa

© PressReader. All rights reserved.