UKhune uyayivuma induku yePirates!

Isolezwe lesiXhosa - - EZEMIDLALO -

EMVA kokubethwa kweKaizer Chiefs kumdlalo wempelaveki egqithileyo, uItumeleng Khune, uvumile ukuba iqela lakhe libethwe ngenxa yeziphene ezenziwe ngabadlali basemva.

Amakhosi aqale abhalisa ebhodini ngebhola efakwe nguKhama Billiat, kodwa iOrlando Pirates ikwazile ukufaka amagowuli amabini yaphumelela umdlalo.

“Ndizamile ukuthetha noogxa bam abadlala emva – kodwa asikwazanga ukuhlala kwiindawo ezibalulekileyo phambi kokungena kwegowuli lokuqala. Kufuneka silungise kwixesha elizayo. Akukho mahluko nokuba kudlala bani phambi kwam ngoba sisebenza sonke. Sibaphoxile abalandeli bethu; besifuna bagoduke benento yokuqhayisa,” utshilo uKhune.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa

© PressReader. All rights reserved.