Isolezwe lesiXhosa

Abethene kwanzima eNgqamakhw­e

- ANELE RAZIYA

ISIKOLO sakuTsomo samabanga aphantsi, iNomzamo Senior Primary School, sifumene inyhweba xeshikweni siphumelel­a itumente edlalwe egameni likaMama Nontsikele­lo Albertina Sisulu.

Izikolo ezilishumi zakuTsomo bezikhuphi­sana kule tumente yokubhiyoz­ela iminyaka elikhulu yokuzalwa kukaMama uSisulu.

Imidlalo ibibanjelw­e e-Albertina Sisulu Junior Primary School kwilali yaseXolobe apho uMama uSisulu wazalelwa khona.

Kwizikolo ezilishumi kwabanemin­yaka engaphants­i kweshumi elinesitha­thu (Under-13) kwibhola ekhatywayo, iNdlangisa Senior Primary School neNomzamo Senior Primary School, zizo ezikwazile­yo ukufikelel­a kumdlalo wamanqam.

Emveni kokuba iNdlangisa S.P.S ibethe iNolusapho S.P.S ngo’2-0, yona iNomzamo S.P.S ibethe iBengu S.P.S. ngo’5-4 kumapenela.

ISisulu ikhutshwe zisuka yiNolusaph­o S.P.S ngo’1-0. Kumdlalo wamanqam kwakhona iNomzamo S.P.S iphumelele ngo’5-4 kumapenela ibetha iNdlangisa S.P.S emva kokudlala ntanganye ngeqanda macala kwixesha elimiselwe­yo.

Kwicala lomnyazi, isikolo esiphumele­le umdlalo wamanqam yiSajini S.P.S ebethe iNdlangisa ngo’110. Izikolo eziphumele­leyo zigoduke neempahla zokudlala macala omabini kunye neembasa zegolide logama ezibambe indawo yesibini zifumene iisilivele.

Imidlalo ibiququzel­elwa lisebe lezeMfundo ephondweni leMpuma Koloni; isebe liphise ngezipho eziliqela eziquka oobhaka kubafundi bezikolo ezahlukene­yo ebebeyinxa­lenye yokubhiyoz­ela uMama Sisulu.

Isithethi sesebe, uMonwabisi Ray, uthe bayayixhas­a imidlalo ezikolweni kwaye bazimisele ukuphucula nemeko yesikolo i-Albertina Sisulu J.S.S ethiywe ngegama likaMama uSisulu.

Kule nyanga siza kufakelwa iziko lekhompyut­ha esi sikolo kuze kunyaka ozayo sihlaziywe isakhiwo saso.

Wonke lo msebenzi uza kwenziwa lisebe.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa