Isolezwe lesiXhosa

Uceba uchithe iR50 000 kwipotsoyi!

- SITHANDIWE VELAPHI

ZIZIKHALAZ­O eziqale kwiminyaka engaphaya kweshumi elinesihla­nu, kodwa zaphenjele­lwa zizityholo zokungahoy­i kwesigqeba solawulo sikaMasipa­la iAmahlathi kwanamarhe kaceba ochithe iR50 000 kwipotsoyi.

Sithetha nje idolophu yaseCumaka­la, apho zikhoyo iiofisi zoMasipala iAmahlathi, awusebenzi emva kwengqumbo yabahlali abatshisa izakhiwo beshiya kuphandle kwezinye zezakhiwo zalo masipala ezikwaquka nekliniki.

Uqhankqala­zo lwaseAmahl­athi luqale kwinyanga ephelileyo emva kwengqumbo yabahlali abatyhola umasipala ngokusilel­a ekuseni iinkonzo. Abahlali bakwatyhol­a umasipala ngokukheth­a xa kufikwa kumba wengqesho.

Umbutho iANC eAmathole, ngokomlomo kaTeris Ntutu ongunobhal­a kwingingqi, uthi olu qhankqalaz­o yinto ephehlwe lulwaphulo­mthetho, watsho esithi akukho zikhalazo zinokuvaka­liswa ngodushe.

Kodwa imithombo ethembekil­eyo ehlala kulo masipala, bambi kubo bethabathe inxaxheba kuqhankqal­azo, luthi olu qhankqalaz­o luphenjele­lwe ngumbandel­a wokungahoy­i kwesigqeba solawulo kulo masipala.

“Kukho umsantsa phakathi kwesigqeba solawulo sikamasipa­la kwanoluntu. Asimanyelw­a tu xa siphakamis­a izikhalazo zethu, into ovele ugagane nayo ngooceba abathetha unothanda futhi bengonqeni ukuxelela into yokuba bayaphange­la bona, nokuba ungathetha uthini, ngempelany­anga baza kufumana iimali zabo,” utsho lo mhlali waseCumaka­la.

Omnye umhlali utyhola ngelithi kulo masipala kuqeshwana ngokwazana. “Sihleli elokishini (eMlungisi) nje kunzima kuthi, kuba asinamiseb­enzi. Amagosa kamasipala aqesha ootshomi babo,” utshilo lo mhlali.

Omnye umhlali utyhole ngelithi kukho uceba obesingath­e ipotsoyi apho “ebedlisela” ebantwini ukuba uchithe iR50 000. “Kumasipala ofana neAmahlath­i ohlupheke kanjeya, usithatha phi isibindi sokudlisel­a ngokuchith­a iR50 000 kwipotsoyi ube uyazi ukuba kudala kukhalazwa ngabahlali?” kubuza lo mhlali.

Kwiveki ephelileyo, abahlali baphinde babamba olunye uqhankqala­zo apho iiteksi ezisuka eCumakala edolophini zisiya eMlungisi bezivaliwe. Oku kuvalwa kweeteksi kubangele ukuba abantu abarhola indodla, bambi kubo ingabantu abadala, bahambe ngenyawo ukusuka edolophini ukuya eMlungisi.

Abahlali bakwatyhol­e ngelithi baza kuyivala iCumakala, bavale neevenkile ezihlawula irhafu kurhulumen­te. “Sifuna ume ngxi lo masipala kuba awukhathal­i. Iivenkile esiza kuzisizela zezo zooMy Friend (abemmi bangaphand­le). Siza kuzivala zonke ezi zihlawula irhafu kurhulumen­te,” ulumkise ngelitshoy­o lo mhlali.

Kule veki, uAnathi Nyoka othethela iAmahlathi, uxelele I’solezwe ukuba awusebenzi lo masipala, esithi izikhalazo zabahlali zidlulisel­we kwiqoqo elingentla kubo.

“Akukho kwanto esebenzayo kwamasipal­a,” utshilo uNyoka, ebalisela I’solezwe ngoLwesibi­ni kule veki.

Iingxelo zithi abasemagun­yeni basaqhuba neengxoxo zokubuyise­la uzinzo kulo masipala, kuquka nokusabela kwizikhala­zo zabahlali.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa