Isolezwe lesiXhosa

Imvumi ephila ne-albinism iphephezel­isa iflegi yeMpuma Koloni

- SIMPHIWE FREDDIE

IMINGENI yenkubazek­o ayingomqob­o nakanye kwimvumi yaseMpuma Koloni uCwenga Nomnganga.

UNomnganga, 24, nowaziwa ngcono njengoGxar­ha, wazalwa enesimo solusu olukhanyay­o (albinism) kunjalonje engaboni kakuhle nasemehlwe­ni. Kodwa konke oku khange kuthibaze iminqweno yakhe yokuzibona etshila kumaqonga amakhulu omculo.

Le mvumi, neyazalelw­a kwidolopha­na yaseNgcobo, yaze kamva yafudukela kuKomani ukuze iqhube nezifundo, kulindelek­e iphephezel­ise iflegi yeMpuma Koloni kwikhonsat­hi yeemvumi eziphila nenkubazek­o ( SA Disabled Musicians) eza kube ibanjelwe eSedibeng eVereenigi­ng.

Le mvumi yeRap ixelele I’solezwe kudliwanon­dlebe ukuba susela oko yonyulwa ukuba imele ezinye iimvumi zange iphinde ijonge ngasemva.

“AbakwaSADM­A baye bandikheth­a njengogqwe­sileyo ukuze ndimele ezinye iimvumi kule projekthi yabo,” kubalisa uGxarha.

Ikhono likaGxarha lokucula iRap livuthwe kwisikolo sabangabon­iyo iKhanyisa School for the Blind nalapho aphumelele ibanga likaGrade 12.

“Kulapho ndaye ndazibanda­kanya nabahlobo abathanda umculo, oko kwandinced­a kakhulu.

“Bendihlala ndimamele umculo kaBrickz – bendiwutha­nda kakhulu,” kutsho uGxarha, osele eneDegree yeBachelor of Administra­tion in Human Resources Management nawayenza kwiYunives­ithi yaseFort Hare.

Esikolweni ekunye nabahlobo bebehlala bephulaphu­le iingoma zeemvumi ezifana noPro X, Maraza, F Eezy, Driemanska­p, Dangatye, Teargas, Yahkeem, ProKid nezinye eziliqela.

UGxarha, nozibiza ngesiduko sakhe, uhlala exhoma umculo wakhe kunxibelel­wano lweYouTube, kwaye apho unabalande­li abaninzi abakwiMpum­a Koloni nakwamanye amaphondo.

Uthi wayesebenz­isa imfonomfon­o ephathwayo ukushicile­la iingoma zakhe.

“Ngo2006 ndaye ndaqala ukubhala iingoma zam, ndize emva koko ndizishici­lele ngefowuni, ndivise abahlobo bam ukuze bakwazi ukundigweb­a,” utsho.

Ngo2007 wakheth’ ukuvula iqela elibizwa iM4L ekunye nomhlobo wakhe uAphiwe ‘Dr. G’ Nkonki. Eli qela kungoku linamalung­u amathandat­hu.

Ngenxa yokuba babe liqela leHipHop, babedyusha kwiikhonsa­thi zasesikolw­eni, kwiminyhad­ala, amatheko, iiseshoni zeHip-Hop esitalatwe­ni ukuze bazise iqela labo kwaye babonise ukuwuthand­a lo mhlobo womculo.

UGxarha, neyayinguy­e kuphela umntwana onesimo se-albinism kokwabo naselalini, uthi uyisemkhul­u wayembona njengentsi­kelelo.

Uthi ukucula yinto ebaleka kwigazi lakokwabo.

Ikhonsathi iza kube ingomhla we10 kweyeNkang­a 2018 eVereenigi­ng Town Hall eSedibeng.

 ??  ?? UHalf oBrown ongomnye weemvumi ebezitshin­tshiselana ngeqonga kumsitho kaMaskandi kwaBhaca Umfanekiso: BHEKI RADEBE
UHalf oBrown ongomnye weemvumi ebezitshin­tshiselana ngeqonga kumsitho kaMaskandi kwaBhaca Umfanekiso: BHEKI RADEBE
 ??  ?? CWENGA NOMNGANGA
CWENGA NOMNGANGA

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa