Isolezwe lesiXhosa

Vela bahleke

- NoSonwabo Yawa

Ye madoda kumnandi eMzantsi Afrika andazi nokuba ndim ndodwa na obona ngolo hlobo.

Ndothuke ndaphantse ukuwa xa bendikwint­langaniso yabazali kwisikolo esifunda unyana wam, kubekho into ethi makhe ndijonge kunomyayi wam ukuba zithini iindaba ezintsha.

Kaloku ndingumntu apha ozithanday­o iindaba andifuni kushiyeka ezintweni, xa ndithi, gqi ngombhalo othi “INKUNDLA YOMGAQOSIS­EKO IGQIBE NGAZWINYE KWELOKUBA INTSANGU UMNTU ANGAYISEBE­NZISA EKHUSINI HAYI ESIDLANGAL­ALENI, KWAYE ANGAZITYAL­ELA ISIXA ESITHILE UKUZE AZISEBENZI­SELE HAYI NGEENJONGO ZOKUYITHEN­GISA.” – ndiyifundi­sise kaninzinin­zi le nto ndizama ukuqinisek­a ukuba ndifunda kakuhle na, ndabe ndifunda kakuhle. Ndize kule ndithi kumnandi eMzantsi, kuthe kungaphela­nga neyure esi sigwebo siphumile kwabe kusisisi sentsangu nje emafini oMzantsi Afrika, ingulowo nalowo ebhiyozela ukukhutshw­a kwesi sigwebo ngokutshay­a lo mthunzi weenkukhu.

Nam lo benditshay­ile ngoku ndingatsha­yanga ngenxa yokuba umoya ebesiwuphe­fumla ngala mini ubuphithik­ezwe ngentsangu!

Xa ndibuya kule ntlanganis­o bendikuyo ndifika kwisiphamb­uka esinophawu lokuba uqala ngokumisa phambi kokuba udlule xa kukhuselek­ile ukwenza oko.

Nako ndime emva kwale moto ime ngxi kangangemi­zuzu emihlanu, ndincame ndihle kuba ndingumntu othanda ukunceda xa umntu esengxakin­i.

Ndifike ndankqonkq­oza efestileni ndifuna ukuqonda ukuba ingxaki yakhe yintoni engade ahambe nje, awunakuyik­holelwa impendulo endidibene nayo: “MNUMZANA, NDISALINDE OLU PHAWU LUBOMVU LUBHALWE MANDIME LUDE LUJIKE LUTHI MANDIHAMBE,” – kanti unkabi utye intsangu ucinga ukuba yirobothi le ame kuyo. Ndiyakuxel­ela zininzi izinto endidibene nazo.

Ndifika ekhetshini ndisiya kumgangath­o ophezulu kwezi ofisi bendize kuzo. Nako ivuleka ikhetshi kuvele kube mhlophe, ndingene ndicinga ukuba akukho mntu, xa ndisemnyan­go ndigilana ngqo nomntu ophumayo, “NJANI BENDICINGA UKUBA ANDIBONANG­A MNTU NJE, XA NDINGENA KANTI OKU KUBA MHLOPHE NGUMSI WENTSANGU!”

 ??  ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa