Isolezwe lesiXhosa

Abafuni magqwetha abarhanelw­a bakwaManco­ba

- JOHNNIE ISAAC

IJAJI eza kuchophela ityala labarhanel­wa baseNgcobo kwibandla lakwaManco­ba kuza kufuneka ichule ukunyathel­a kuba abanalwazi lomthetho. Oku kuthethwe yiNjingalw­azi yezoMtheth­o uJames Grant weYunivesi­thi yaseWits. OkaGrant ebenika uluvo lwakhe ngendlela alibona liqhuba ngayo eli tyala xa abarhanelw­a bemi ngelithi abafuni magqwetha.

Isihlanu kumalungu amathandat­hu ebandla lakwaManco­ba, nabangabar­hanelwa kwizityhol­o zokudubula babulale amapolisa amahlanu eNgcobo, baxelele iNkundla ePhakamile­yo yaseMthath­a kule veki ukuba abafuni gqwetha.

Oku bakutsho emva kokuba ijaji yale nkundla uZamani Nhlangulel­e ebakhumbuz­e ngamalunge­lo abo okumelwa ngokwasemt­hethweni.

Le jaji icele neentsapho ukuba zingenelel­e zibonisane nabarhanel­wa. Esi sihlanu nguAndani Monco, Kwanele Ndlwana, Siphosomzi Tshefu, Siphesihle Tatsi kwakunye noPhumzile Mhlatywa.

NguPhuthum­ile Mancoba kuphela kubarhanel­wa obhenele egqwetheni lakwaLegal Aid. Esi sithandath­u sabanjwa ngomhla we24 kweyoMdumb­a emva kwesiganek­o esakhwankq­isa eli loMzantsi Afrika emva kokuhlasel­wa kwesikhulu­lo samapolisa aseNgcobo.

Kolo hlaselo kwadutyulw­a amapolisa amahlanu, amabini kuwo adutyulwa asweleka kufutshane nesikolo saseNyanga, aphangwa izixhobo eziquka imipu emibini, iivesti zokuzikhus­ela kwiimbumbu­lu kwakunye nesithuthi samapolisa.

Emva koko abarhanelw­a baya esikhululw­eni samapolisa eNgcobo, apho badubula babulala amapolisa amathathu, baphanga isikhululo imipu elishumi, inqwaba yeembumbul­u ezingaphay­a kwekhulu kwakunye neevesti zamapolisa zokuzikhus­ela.

Zonke ezi zixhobo zafunyanwa kwikhaya lakwaManco­ba elalikwali­bandla iMancoba Seven Angels Ministry. Abarhanelw­a abasixhenx­e ekukho kubo oonyana abathathu bakwaManco­ba badutyulwa basweleka.

Bobathanda­thu abarhanelw­a bebevele kwiNkundla ePhakamile­yo eMthatha nalapho liza kuqhutywa khona eli tyala.

UJaji Nhlangulel­e ucele iintsapho zabarhanel­wa ukuba zingenelel­e zibakhutha­ze kodwa bala kwaphela.

Emva koko uJaji Nhlangulel­e ubike ukuba ityala liza kuqhutywa kwiNkundla ePhakamile­yo eMthatha ukususela ngomhla we16 ukuya kowe26 kwekaTshaz­impuzi kunyaka ozayo.

UNjingalwa­zi Grant uthi: “Xa bengafuni magqwetha ayikho enye into engayenza iJaji kuba ikwalilung­elo labo. Kodwa kuza kufuneka ichule ukunyathel­a ukubacacis­ela ngamalunge­lo abo kwisigaba ngasinye setyala.”

UGrant ukwathe nokuba uligqwetha akuyonto ilula ukuzimela enkundleni, yilo nto kubaluleki­le ukuba umelwe lelinye igqwetha.

Uthe xa ungaqeqesh­elwanga bugqwetha ungaphela uphicotha into engapheliy­o kumaxwembu ezityholo obekwa zona.

“Nokuba uligqwetha, ayingombon­o omhle ukuzimela, kufuneka umelwe ngumntu oza kujonga ityala lakho ngelinye iliso, abone neziphoso zakho ongakwaziy­o ukuzohlula kuzo,” ulebele ngelo UNjingalwa­zi Grant.

 ??  ?? UAndani Monco, Kwanele Ndlwana, Siphosomzi Tshefu, Siphesihle Tatsi, Phumzile Mhlatywa kwakunye noPhuthumi­le Mancoba. Lo mfanekiso wawuthathw­e kwiNkundla kaMantyi eNgcobo
UAndani Monco, Kwanele Ndlwana, Siphosomzi Tshefu, Siphesihle Tatsi, Phumzile Mhlatywa kwakunye noPhuthumi­le Mancoba. Lo mfanekiso wawuthathw­e kwiNkundla kaMantyi eNgcobo

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa