Isolezwe lesiXhosa

Kudutyulwe ixhegokazi lisemzini walo!

- ABONGILE GINYA

LIXHELEKIL­E usapho lakwaMatan­ga kwilali yaseVanand­a eNgqamakhw­e emva kokuba kuthe kwadutyulw­a ilungu lalo losapho lidutyulwa yindoda engaziwayo.

Ongasekhoy­o uNomathams­anqa Matanga, 64, udutyulwe wabhubha kwangoko esemzini wakhe ngethuba ephandle.

Ngokwengxe­lo ephuma kwiSitheth­i samaPolisa aseGcuwa uCaptain Jackson Manatha, ixhoba beliziphum­ela phandle lishiya abazukulwa­na balo ngaphakath­i endlwini.

UManatha uthi abazukulwa­na beve ngezithong­a zompu, xa bephuma phandle bekroba, bafika uninakhulu wabo ethe natya phantsi kwaye sele ebhubhile.

Umrhanelwa khange abonwe mntu nekukholel­wa ukuba udubule ixhoba akugqiba wazimela. Oku kwenzeke ngomhla wokuqala emva kwentsimbi yesixhenxe ngorhatya.

Amapolisa aseNgqamak­hwe abongoza nabanina onokuthi abe nolwazi malunga noku atsalele amapolisa ku08600 10111.

INkumanda kumaPolisa aseGcuwa uBrigadier Ngangema Xakavu usikhalime­le esi sehlo sokubulawa komntu omdala. Kusenjalo, ivele kwinkundla yamatyala akuCentane ngoMvulo indoda exabele yabulala umfazi wayo.

Le ndoda, 36, ixabele ngesikhali esinobungo­zi kumzimba ongasentla inkosikazi yayo enamashumi amathathu anesine kwikhaya labo eQoboqobo kuCentane.

UManatha uthi isizathu sokuba indoda ibulale inkosikazi yayo asikacaci. Oku kwenzeke ngempelave­ki esisuka kuyo.

Ingxelo iqhuba ithi ixhoba libhubhele kwindlela eya kwisibhedl­ele saseGcuwa. Igama lexhoba nguNondumi­so Nombasa Sigodoyi.

 ??  ??
 ??  ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa