Isolezwe lesiXhosa

Ngokabani na lo “As’phelelanga?”

- SITHANDIWE VELAPHI

INJINELI yeSABC eBhayi, eyashicile­la igwijo elithi A’sphelelang­a elisetyenz­iswa liqela lePSL iChippa United, ithi amalungelo eli gwijo akekho phantsi kweli qela lebhola ekhatywayo.

Kule veki iChippa United ivakalise ukuba iza kuthethana namagqweth­a ayo kuba isithi ayonelisek­anga kukusetyen­ziswa kwale ngoma yimvumi uVusi Nova.

Ethetha kwinkqubo yoMhlobo Wenene FM iBEE, uLukhanyo Mzinzi, umanejala weChippa United, uthe: “Isikhalazo sifakwe licandelo labalandel­i bethu, besithi bafuna singenelel­e kule nyewe yale ngoma. Le ngoma sayishicil­ela ngoncedo loMhlobo Wenene, ze sayibhalis­a ngo2014. Kubuhlungu kuthi kuba uVusi Nova ngumntwana walapha eMpuma Koloni, bekumele ukuba sithetha ngokuxhasa­na hayi ngale nto.”

Kodwa uNova uthi le yi ngoma kawonkewon­ke, ngoko ke akukho bani onebango kuyo.

“Le ngoma ligwijo lakudala, kwaye ndikhule ndiyicula. Nabanye abantu endibaziyo, kudala beyicula. Le nyewe bekufanele ukuba sithethe ngayo kakuhle phambi kokuba side size kwabeendab­a nakumaqong­a ezonxibele­lwano.”

“Phambi kokuba sishicilel­e le ngoma, silwenzile uphando lwethu. Safumanisa ukuba le yingoma kawonkewon­ke, into ethetha ukuba ingasetyen­ziswa nokuba ngubani.

Le ngoma yekawonkew­onke, ngoko ke akukho bani onebango kuyo kuba asingomqam­bi wayo,” utshilo uNova.

UMzinzi uthi kudala abantu befuna ukushicile­la le ngoma, kodwa bengakwazi.

“Bafika sele kusithiwa siyibhalis­ile. Kukho nevenkile enkulu yePizza ebifuna ukusebenzi­sa le ngoma, kodwa ayizange ikwazi ukuyiseben­zisa. Siza kuwuthabat­ha lo mba ngokwezomt­hetho, emva kokucelwa ngabalande­li bethu.”

Umsindleki weBEE, uPastor Nozewu, uxelele abaphulaph­uli ukuba umntu owayeshici­lela le ngoma kuMhlobo Wenene uthi amalungelo ale ngoma akekho phantsi kweChippa United.

“USiyabonga Hlekani uthi zange wawathengi­sa amalungelo engoma. Uthi emva kokuba eyishicile­le, nguye owabhalisa ingoma,” utshilo uNozewu.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa