Ugogo uxakene nomthi kwiyadi yakhe
NANGONA ukuba nomthi eyadini kuthathwa njengenyhweba kuba usizisa umthunzi ehlotyeni ukhusele izindlu xa kuvuthuza imimoya, akunjalo kuElizabeth Nyamza waseGugulethu.
UNyamza oneminyaka engama82 ucela nabani na onokwazi ukumwisela umthi oseyadini yakhe ukuba amncede.
Ugogo Nyamza wafika eGugulethu ngo1969 sele ukho lo mthi umde kanobom kungokunje. Uthi wafika sele umde kakade lo mthi kodwa akayinanza lo nto evuyela ukufumana indlu eyona nto yayingamndla.
Uthi kodwa kuthe ekuhambeni kweminyaka zenyuka izibilini zakhe kuba nomthi uye ukhula. “Iingcambu zawo zixananazile zigcwele iyadi yonke. Kungenzeka zihamba nalapha ngaphantsi kwendlu. Ndakuze ndibone sele iphuma iintanda. Ndingavuya xa unokuwiswa. Ndifuna uqalwe ezingcanjini xa usiwiswa,” utsho uNyamza.
I’solezwe lifike kuxananaze iingcambu nje kwaNyamza. Lo mthi ungasemva kwendlu. Untshule ecaleni kwedreyini nayo engasavulekiyo ngenxa yezo ngcambu.
UNyamza uthi kudala wabiza abantu ukuba bamsusele lo mthi kodwa imali abayibizayo ingaphaya kwamandla wakhe. “Umfana owabiza kancinci wabiza iR2 000. Nayo yeyokususa umthi wodwa kuphela. Ayikabikho eyokususa iingcambu nokuwola yonke lo nto iyokulahlwa,” utsho.
UNyamza uthi wonqena ukuba lo mthi uza kude udale uchuku ebumelwaneni. “Kangangendlela omde ngayo, amagqabi awa kuwo agcwala ezi yadi. Lo nto ithethe ukuba abantu baharika amagqabi womthi kodwa abanawo umthi bona. Ndifuna uwe lo mthi bangade bathethe kuphele ubumelwane,” utsho ugogo.