Isolezwe lesiXhosa

Ugogo uxakene nomthi kwiyadi yakhe

- MICHAEL NKALANE

NANGONA ukuba nomthi eyadini kuthathwa njengenyhw­eba kuba usizisa umthunzi ehlotyeni ukhusele izindlu xa kuvuthuza imimoya, akunjalo kuElizabet­h Nyamza waseGugule­thu.

UNyamza oneminyaka engama82 ucela nabani na onokwazi ukumwisela umthi oseyadini yakhe ukuba amncede.

Ugogo Nyamza wafika eGugulethu ngo1969 sele ukho lo mthi umde kanobom kungokunje. Uthi wafika sele umde kakade lo mthi kodwa akayinanza lo nto evuyela ukufumana indlu eyona nto yayingamnd­la.

Uthi kodwa kuthe ekuhambeni kweminyaka zenyuka izibilini zakhe kuba nomthi uye ukhula. “Iingcambu zawo zixananazi­le zigcwele iyadi yonke. Kungenzeka zihamba nalapha ngaphantsi kwendlu. Ndakuze ndibone sele iphuma iintanda. Ndingavuya xa unokuwiswa. Ndifuna uqalwe ezingcanji­ni xa usiwiswa,” utsho uNyamza.

I’solezwe lifike kuxananaze iingcambu nje kwaNyamza. Lo mthi ungasemva kwendlu. Untshule ecaleni kwedreyini nayo engasavule­kiyo ngenxa yezo ngcambu.

UNyamza uthi kudala wabiza abantu ukuba bamsusele lo mthi kodwa imali abayibizay­o ingaphaya kwamandla wakhe. “Umfana owabiza kancinci wabiza iR2 000. Nayo yeyokususa umthi wodwa kuphela. Ayikabikho eyokususa iingcambu nokuwola yonke lo nto iyokulahlw­a,” utsho.

UNyamza uthi wonqena ukuba lo mthi uza kude udale uchuku ebumelwane­ni. “Kangangend­lela omde ngayo, amagqabi awa kuwo agcwala ezi yadi. Lo nto ithethe ukuba abantu baharika amagqabi womthi kodwa abanawo umthi bona. Ndifuna uwe lo mthi bangade bathethe kuphele ubumelwane,” utsho ugogo.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa