Isolezwe lesiXhosa

Usebenze nzima, wathenga ishishini

- ABONGILE GINYA

UKUSEBENZA nzima ingakumbi ube uyazi apho unqwenela ukufikelel­a khona, kuza nomvuzo obangela ufikelele ngokwenene.

Oku kulandela emva kokuba intwazana yaseTsomo uNoluvo Mdaka ethe wazenzela igama kwezoshish­ino ngokuba ngumnikazi weshishini elijongene nobuxhakax­haka banamhlanj­e iSilulo Ulutho Technology kuKomani.

UMdaka uthi injongo kukuxhobis­a uluntu lwaseKoman­i neziphaluk­a ngolwazi lwekhompyu­tha. Ukukhula kukaMdaka akukhange kube lula.

Emva kokuphumel­ela ibanga leshumi, uMdaka eseKapa eNtshona Koloni, waye wafaka isicelo sokufunda unyaka omnye kwizifundo zezimali kwenye yeekholeji zaseKapa.

Kulapho kwathi kwakhula uthando kwizifundo zobuchweph­eshe, nalapho kunyaka olandelayo walandela intliziyo yakhe kwezobuxha­kaxhaka kanti ngamaqalel­a okungena kwakhe kushishino.

“Eli icandelo likhula nangakumbi kuba kusoloko kunento entsha kwaye enika umdla ekwaveza namathuba okukhula nangakumbi nanjengoko nelizwe sele lixhomekek­e kubuchweph­eshe,” utshilo uMdaka.

Uthi wakhuliswa ngumama wakhe engumseben­zi wasemakhit­shini, apho waye wamzamela amakhulu amabini eerandi ukuze abhalise eSilulo

Ulutho akwazi ukuqhubeka nezifundo zekhompyut­ha. Uthi wayefunda ngeempelav­eki kuphela eSilulo Ulutho kuba phakathi evekini wayekhange­la umsebenzi.

Emva kokusokola engafumani msebenzi wagqiba ekubeni kwizakhono nobuchule athe wabufumana esikolweni abusebenzi­se kubantwana kwithala leencwadi elikwiloki­shi iKhayelits­ha eKapa.

Emva kokufumana umsebenzi eSilulo Ulutho xa yayivula indawo eKhayelits­ha wasebenza khona ejongene nezoqeqesh­o iinyanga ezintandat­hu ngonyaka ka2012.

“Kwenye yeendibano esasinayo siyiSilulo Ulutho, sasixoxa ngomba wokukhulis­a inkampani le, kulapho kwaye kwavela ithuba lokuba kuvulwe indawo eMpuma Koloni. Ndaye ndaba naloonyhwe­ba yokuba abalawuli bacele mna ukuvula eMpuma Koloni.”

UMdaka wayenamash­umi amabini kuphela ngalo nyaka kwaye esebenze unyaka wamnye kuphela eSilulo Ulutho eKapa. Ishishini eli laqala ngo2012 kuKomani abasebenzi bebabini kuphela.

UMdaka kwanyanzel­eka ukuba ajongane nezo ngxaki zokuqala ishishini kwaye nokuthenjw­a luluntu lwakuKoman­i njengoko kwakugcwel­e izikolo zomgunyath­i eziqeqesha izifundo zekhompyut­ha.

Uthi umdla wakhe waye wakhula kweli shishini wagqiba ekubeni alithenge nangona nje wayengenay­o imali.

Uthi omnye wabalawuli eSilulo Ulutho wamcebisa ngenkqubo eqhutywa nguSAB Foundation iTholoana Enterprise. Emva kokufaka isicelo wabangomny­e wabachongi­weyo ngo2017 neyiyo eyambeka endaweni namhlanje.

UMdaka uthi uyazidla xa kunamhlanj­e engomnye wosoomashi­shini abazenzele igama kweli phondo.

 ??  ?? NOLUVO MDAKA
NOLUVO MDAKA

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa