Usebenze nzima, wathenga ishishini
UKUSEBENZA nzima ingakumbi ube uyazi apho unqwenela ukufikelela khona, kuza nomvuzo obangela ufikelele ngokwenene.
Oku kulandela emva kokuba intwazana yaseTsomo uNoluvo Mdaka ethe wazenzela igama kwezoshishino ngokuba ngumnikazi weshishini elijongene nobuxhakaxhaka banamhlanje iSilulo Ulutho Technology kuKomani.
UMdaka uthi injongo kukuxhobisa uluntu lwaseKomani neziphaluka ngolwazi lwekhompyutha. Ukukhula kukaMdaka akukhange kube lula.
Emva kokuphumelela ibanga leshumi, uMdaka eseKapa eNtshona Koloni, waye wafaka isicelo sokufunda unyaka omnye kwizifundo zezimali kwenye yeekholeji zaseKapa.
Kulapho kwathi kwakhula uthando kwizifundo zobuchwepheshe, nalapho kunyaka olandelayo walandela intliziyo yakhe kwezobuxhakaxhaka kanti ngamaqalela okungena kwakhe kushishino.
“Eli icandelo likhula nangakumbi kuba kusoloko kunento entsha kwaye enika umdla ekwaveza namathuba okukhula nangakumbi nanjengoko nelizwe sele lixhomekeke kubuchwepheshe,” utshilo uMdaka.
Uthi wakhuliswa ngumama wakhe engumsebenzi wasemakhitshini, apho waye wamzamela amakhulu amabini eerandi ukuze abhalise eSilulo
Ulutho akwazi ukuqhubeka nezifundo zekhompyutha. Uthi wayefunda ngeempelaveki kuphela eSilulo Ulutho kuba phakathi evekini wayekhangela umsebenzi.
Emva kokusokola engafumani msebenzi wagqiba ekubeni kwizakhono nobuchule athe wabufumana esikolweni abusebenzise kubantwana kwithala leencwadi elikwilokishi iKhayelitsha eKapa.
Emva kokufumana umsebenzi eSilulo Ulutho xa yayivula indawo eKhayelitsha wasebenza khona ejongene nezoqeqesho iinyanga ezintandathu ngonyaka ka2012.
“Kwenye yeendibano esasinayo siyiSilulo Ulutho, sasixoxa ngomba wokukhulisa inkampani le, kulapho kwaye kwavela ithuba lokuba kuvulwe indawo eMpuma Koloni. Ndaye ndaba naloonyhweba yokuba abalawuli bacele mna ukuvula eMpuma Koloni.”
UMdaka wayenamashumi amabini kuphela ngalo nyaka kwaye esebenze unyaka wamnye kuphela eSilulo Ulutho eKapa. Ishishini eli laqala ngo2012 kuKomani abasebenzi bebabini kuphela.
UMdaka kwanyanzeleka ukuba ajongane nezo ngxaki zokuqala ishishini kwaye nokuthenjwa luluntu lwakuKomani njengoko kwakugcwele izikolo zomgunyathi eziqeqesha izifundo zekhompyutha.
Uthi umdla wakhe waye wakhula kweli shishini wagqiba ekubeni alithenge nangona nje wayengenayo imali.
Uthi omnye wabalawuli eSilulo Ulutho wamcebisa ngenkqubo eqhutywa nguSAB Foundation iTholoana Enterprise. Emva kokufaka isicelo wabangomnye wabachongiweyo ngo2017 neyiyo eyambeka endaweni namhlanje.
UMdaka uthi uyazidla xa kunamhlanje engomnye wosoomashishini abazenzele igama kweli phondo.