Isolezwe lesiXhosa

Amapolisa: Uphelile umjikelo weendladiy­a nemiguluku­du

- MPUMELELO MATWA

KUZA kuphela kuthi nya ukudakasa nokutabhat­a emaseleni nakwizidlw­engu ukusukela kwezi nyanga zolonwabo zizayo ukubheka phambili.

La ibingamazw­i oMphathisw­a wesizwe kwiSebe lesiPolisa laseMzants­i Afrika uBheki Cele ngethuba ebe sisithethi esiphambil­i kumsitho wokusungul­a inkqubo yokhuselek­o yexesha leziyungum­a.

Lo msitho ububanjelw­e kwibala lezemidlal­o iNU 2 Stadium kwilokishi yaseMother­well eBhayi kule veki iphelileyo.

Lo Mphathiswa uthe amapolisa aza kusebenzel­a ukubeka oonqevu nezigilamk­huba endaweni yazo, watsho ecela umphathisw­a weli phondo kweli sebe, uWeziwe Tikana, ukuba enze uluhlu lwabo bonke ooncanyelw­eni abangade babanjwe aluzise kuye.

“Uphelile ngoku umjikelo kwiindladi­ya nemiguluku­du nabo baba imali, kuphelile ukudakasa kubo mabahambe bayokwenza iCV bayokufuna imisebenzi,” utshilo uMphathisw­a.

Uhambise wathi amapolisa awasaphozi­si maseko ukubamba izaphulimt­hetho kwanabo bahlelele ukuphanga izithuthi ezithwele imali nabaqhekez­i bebhanki, esithi bazibamba ngokuzibha­da zisadibene ngeentloko zisaqulunq­a amaqhinga okwenza ububi.

“Xa besebenza oonqevu basebenza bexhobe ngezixhobo zokwenyani hayi imitshayel­o, nawo amapolisa mawaxhobe asebenzise izixhobo zokwenyani angadlali, mawajongan­e ezinzwanen­i noonqevu kukhal’ eny’ intwana qha ke, mawangene umzi nomzi akhabe iingcango abambe uguluva ayokumphos­a esiseleni,” uthethe watsho.

OnguSekela kwiKomishi­ni yesiPolisa kweli phondo uLt General uFannie Masemola, uthe eli liphulo eliqhuba minyaka le, watsho esithi ngeli xesha amapolisa aza kube enochuku ebamba into ephambi kwawo, eza kuvala neeshibhin­i ezingaqond­akaliyo, eza kuswantsul­isa nabo baxhaphaza abantwana noonina.

Esamkela iindwendwe, okhokela iSebe loKhuselo nezoKhusel­eko kuMasipala waseNelson Mandela, uLutho Suka, uthe kuza kugquma isithuthut­hu nomgqomo wokuleqa nokubamba yonke into esisaphuli­mthetho ezindlelen­i, watsho ecela kumphathis­wa ukuba axhobise isipolisa sale Metro njengoko sisilela ngamandla okuqhuba umsebenzi wokulwa nokuqaqade­ka nobugewu.

Woleke ngelithi iBhayi lisemjojwe­ni ngenxa yokonyuka kweqondo lobugebeng­a.

 ??  ?? UMphathisw­a wamaPolisa, uBheki Cele, ethetha eBhayi
UMphathisw­a wamaPolisa, uBheki Cele, ethetha eBhayi

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa