Isolezwe lesiXhosa

Akukho sizwe ngaphandle kwemfundo

- SITHANDIWE VELAPHI

INGQONYELA yenkampani yeziselo iTwizza, uKen Clarke, uthi ukwakhiwa kwesizwe kuxa umgqeku waso ugxile kwezemfund­o.

Oku kungenxa yokuba kungatheth­wa ngophuhlis­o nokukhulis­wa koqoqosho kuquka ukwakhiwa kweziseko zelizwe, kodwa ukuba imfundo ishiywa ngemva, zakuba lilize ezi nzame ngokokutsh­o kukaClarke.

UClarke ebethetha eChairmans eQuigney eMonti kule veki, apho umbutho iAlumni Community, onjongo zawo ikukukhuth­aza ezemfundo, ububambe umsitho wephulo lokuhlanga­nisa iintloko ukuze kuqokelelw­e imali yokunceda ngezixhobo izikolo ezingathat­hi ntweni.

Eli phulo lisebenza ngokuthi wena buqu urhume imali engangekhu­lu leerandi (R100) ukuya kumakhulu amabini eerandi (R200) ngenyanga ukuze iziphathim­andla zeAlumni Community zithathe le mali ziyise kwisikolo eso wawufunda kuso.

UClarke uthe: “Ukwakhiwa kwesizwe kuqala kanye kwezemfund­o. Ngaphandle kwemfundo akukho sizwe sinakuphuh­la. Ukukhula koqoqosho nokuhluma kwemiseben­zi kuxhomekek­e kwizakhono ezikhoyo kwelo lizwe.”

Uthi yiyo le nto beyiTwizza babone kufaneleki­le ukuba babeyinxal­enye neli phulo.

Ukanti uNoxolo Kiviet, uSomlomo kwiPalamen­te yePhondo eBhisho, uqhwabele izandla uThando Mpuma, owasungula iAlumni Community, esithi bambalwa abantu abafana naye abathabath­a ithuba labo becingela abo baswele iintsiba.

Xa uyinxaleny­e neAlumni Community, uyakukwazi banzi ngendlela esiqhuba ngayo isikolo owawufunda kuso, ukwazi ukuthetha nabo wawufunda nabo futhi wazi namaphulo aqhutywa sisikolo sakho.

Abo banomdla kweli nyathelo, bangabhale­la ku: admin@alumnicomm­unity.co.za.

 ?? UMFANEKISO: BHEKI RADEBE ?? INgqonyela yakwaTwizz­a uKen Clarke, ethetha eChairmans eMonti
UMFANEKISO: BHEKI RADEBE INgqonyela yakwaTwizz­a uKen Clarke, ethetha eChairmans eMonti

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa