Isolezwe lesiXhosa

Oomama mabangatyi tyum ngokudlwen­gulwa

- PHINDA KULA

KAPA: Sisilonda esingasayi kuze siphole ukuba ulixhoba lodlwengul­o. Oku kuvele kumama uNowezile Mtyhali* (59) ngethuba kukhalinye­lwa iziganeko zodlwengul­o ngumbutho ongekho phantsi kukarhulum­ente Ilitha Labantu.

Oku kulandela emva kokuba lo mbutho ubambe umngcelele usuka kwisikhulu­lo samapolisa eSite B eKhayelits­ha usingise kudederhu lweevenkil­e eSite C Plaza kwalapha eKhayelits­ha ngomhla wamashumi amathathu ananye kweyeDwarh­a.

“Thina siyi Ilitha labantu silapha ukuvakalis­a ukungoneli­seki kwethu ziziganeko zokudlweng­ulwa kwamanina neentsana zawo,” utshilo uSiyabulel­a Monkali isithethi seIlitha Labantu.

Uthi banephulo phantsi komxholo othi #OneTooMany­SA nalapho bavakalisa inkxalabo malunga nokudlweng­ulwa kwamanina. Esitsho kananjalo ukuba iKhayelits­ha yenye yeelokishi ezinezinga elinyukile­yo lempathomb­i ngakumanin­a neentsana. Lo mbutho ngethuba ubambe lo mngcelele uququzelel­e uluntu ngokubanzi ukuba lityikitye amagama nakaza kuthi adluliselw­e kwabasemag­unyeni ukulungise­lela ukuba bakwazi ukuqwalase­la ngakumbi iziganeko zodlwengul­o.

Umama uMtyhali uzityande igila malunga nesiganeko sokudlweng­ulwa kwentombi yakhe ngethuba yayineshum­i elinesine leminyaka ubudala kwingingqi yaseSite C ngonyaka ka2005.

“Umsindo endinawo, abantwana abadlwengu­la intombi yam babefihlwa ngoonina babo ngokungath­i akukho nto igwenxa bayenziley­o, yaye ndinomsind­o kakhulu kuba omnye wabo lo wabanjwayo ucela uxolo ngesenzo sakhe,” utshilo okaMtyhali.

Kungokunje uthi intombi yakhe yalinikela umva elaseKapa yaye ayifuni nokuwuthi cakatha owayo umcondo kweli leKapa.

Lo mama uthi into emxhela umphefumlo kukuva ngeziganek­o zodlwengul­o, ngelithi oko kumvisa kabuhlungu kuba akasayi kuze asilibale isiganeko sokudlweng­ulwa kwentombi yakhe iselula ngokweminy­aka.

Kungokunje uthi amagosa asentolong­weni kwinyanga ephelileyo afikile kwikhaya lakhe ezise umyalezo woxolo osuka kulowo wadlwengul­a intombi yakhe.

Uthi kungoku nje inkxalabo yakhe xa enokukhuts­hwa entolongwe­ni woyikisela omnye umntwana wakhe oyintombaz­ana oneshumi elinesine leminyaka ubudala, nadiza ukuba bahlala kwisitalat­o esinye nabo bafunyanwa benetyala lokudlweng­ula intombi yakhe, nathi omnye wabo sele wabhubha.

“Umnqweno wam urhulument­e kubantwana abadlwengu­layo ngase abanike isohlwayo kuba abantwana badlwengul­wa bebancinan­e,” utshilo okaMtyhali, uthi into emenza umsindo umntwana wakhe wadlwengul­wa amatyeli amabini.

UBhishop Zamuxolo Mfihlo, 43, webandla iApostolic Amen eGugulethu, uthi bengabefun­disi bayalixhas­a iphulo leIlitha Labantu elikhabana­yo nokudlweng­ulwa kwabasetyh­ini. “Abantu abangomama mabangatyi tyum ngeziganek­o zodlwengul­o,” utshilo.

 ??  ?? Ilitha Labantu enceda ukulwa neziganeko zokuxhatsh­azwa kwamanina nabantwana eGugulethu UMFANEKISO: PHANDO JIKELO/ANA
Ilitha Labantu enceda ukulwa neziganeko zokuxhatsh­azwa kwamanina nabantwana eGugulethu UMFANEKISO: PHANDO JIKELO/ANA

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa