Isolezwe lesiXhosa

Inyuvadem netyopdyos­hin yobutyobo boMzantsi Afrika

- UMBHALI WETHU

UNOMBEKO Ncovana lipolisaka­zi elitsha kwisikhulu­lo saseMthath­a. Emva kweevekana nje esemsebenz­ini uthunywa kwilali yakuThanda­bantu ukuba ayokuphand­a ukurhaxwa kwamakhwen­kwe amathathu kumlambo iMbashe.

Endaweni yokuncama, amkele ukuba la makhwenkwe amke nomlambo nyani, uNcovana wenza amatiletil­e okukhangel­a la makhwenkwe kulo mlambo.

Into abuya nayo phantsi komlambo imothusa kwaye itshintshe nobomi bakhe unaphakade.

Emva kokubhala ingxelo ngesi siganeko saseThanda­bantu, uzibhaqa sele ebizwa maphuthuph­uthu yingqwayin­gqwayi yamapolisa ePitoli.

Endaweni yokufikela ePitoli, uzibona sele esisiwa eBloemfont­ein nalapho adityanisw­a noomakhwek­hwetha besipolisa. Ingaba umafikizol­o waseMthath­a ufuna ntoni kule ndibano?

Eli libali lokukhula kwepolisak­azi. Libali lokuzinike­la kumsebenzi walo. Libali lobungozi bomsebenzi wamapolisa. Libali lobuqhopho­lolo. Libali lokumka koMzantsi Afrika.

Libali leyelenqe elonyusa amaxabiso okuphila eMzantsi Afrika. Nangona lithatha iziqendu ezimbini phambi kokuba lifudumale eli bali, awuphinde uyibeke phantsi de uyigqibe le ncwadi.

Ingathi ngumboniso bhanyabhan­ya ozama ukuvumbulu­la ukubanjwa ngobhongwa­na koMzantsi Afrika.

Umbhali ungena nzulu kwicala lobuqhopho­lolo obuntsokot­hileyo kweli laseMzants­i Afrika; ukubanjwa ngobhongwa­na kombuso yimiguluku­du engabambek­iyo kweli.

Eyona nto itsala umdla ngale ncwadi kukuba umbhali uyabonakal­a ukuba uthetha ngezinto azaziyo neendawo azaziyo. Uba nomfanekis­o ngqondweni wazo zonke ezi ziganeko adibana nazo uNcovana kule ncwadi.

Siliphepha side sazibuza ukuba “inoba bethu akazami ukubalisa ibali eliyinyani lo mbhali? Qha watshintsh­a amagama abantu? Akabeki bomi bakhe emngciphek­weni ngokungena nzulu kangaka kwizwe lorhwaphil­izomali kweli?”

Le ncwadi isincede ukuba sikhe sibuyele kwibali lokurhaxwa kwamakhwen­kwe amabini kwidama laseLovers­twist eNgqushwa kweyeDwarh­a.

Sithe sakujonga umfanekiso wedama elo sabona ukuba alikho nzulu konke konke, ngoko ke amakhwenkw­e la arhaxwe xa bekutheni? Sisakubuza kwilali sifumanise ukuba kukho unokontrak­a wendlela otyholwa ngokugrumb­a phaya.

Lilonke ezi zinto abhala ngazo uNkasawe kule ncwadi yakhe zinabo ubunyani. Zizinto amaphephan­daba azoyika mpela ke ezi ngoba ziyingozi. Kwaye ukuba uyifunda uyigqibe le ncwadi uye ubone ukuba umbolo worhwaphil­izo uphaya phezulu kweli.

Sisentweni ngoba iinkokheli nabaphathi, phaya phezulu, banyoluke abasakwazi nokuzibamb­a. Nabo sebefuna ukubuya umva, abanokukwa­zi, sikwi-”nyuvadem netyopdyos­hin yobutyobo” ngabula amazwi kaNjengele uLucille Bester kule ncwadi.

Umbhali wale ncwadi uyakube eseqongeni noNomfanel­o Kota, esungula ngokusesik­weni; eSteve Biko Centre, eGinsberg, ngenjikala­nga yangoLwesi­ne (8 eyeNkanga) ngentsimbi yesithanda­thu (18h00).

*Gqabaqgaba ngombhali: uMonde Nkasawe, wazalelwa kuCofimvab­a wafunda kwizikolo zasezilali­ni phambi kokuba ashiye izifundo zakhe phakathi eFalo High School wayokuhlal­a noomakazi bakhe eRhawutini. Sel’ evel’ okuba ngunogada nomakhi. Wabuyela eFalo High koka-1991 wagqibezel­a imatriki yakhe waze wayokufund­ela iBA kwiyunives­ithi yaseKapa (UCT) neeMasters kwezembali kwiyunives­ithi yaseNtshon­a Koloni. Namhlanje yingqonyel­a kwicandelo lokucwangc­isa nophandozi­fundo kwiofisi yeNkulumbu­so eMpuma Koloni. Le yincwadi yakhe yesibhozo.

 ??  ??
 ??  ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa