Isolezwe lesiXhosa

Baphumelel­e iMatriki kodwa nkqi iziqinisek­iso

- SITHANDIWE VELAPHI

ISEBE lezeMfundo eMpuma Koloni lidize ukuba ngabafundi abakumakhu­lu amahlanu anamashumi amahlanu abasalinde iziqinisek­iso zabo zeMatriki phakathi konyaka ka2015 ukuya ku2017.

Oku kulandela umbuzo obubuzwe lilungu leDA kwiPalamen­te yephondo eBhisho, uEdmund Van Vuuren, ewubhekisa kuMlungisi Mvoko obambele njengoMpha­thiswa wezeMfundo ephondweni.

UVan Vuuren ebebuza ngengxaki yomfundi wesikolo iVictoria High eBhayi, uTiana Munsami, owaphumele­la uGrade 12 ngo2015 kodwa akakafuman­i siqiniseki­so sakhe seMatriki.

Ukuphendul­a, uMvoko uthe: “UTiana Munsami wafaka isicelo sokuba kuphinde kubalwe iimviwo zakhe kwaye bekusabalw­a logama isicelo sesiqinise­kiso sithunyelw­e [kukhala] Umalusi ngomhla wokuqala kweyeDwarh­a 2018.”

Emva kwale mpendulo, uVan Vuuren ukwabuze ngelona nani labafundi ababhale iimviwo zeMatriki phakathi kuka2015 ukuya ku2017, kodwa bengekafum­ani ziqiniseki­so zabo (izatifiket­i).

“Ukusuka ngo2015 ukuya ku2017 abafundi abangekafu­mani ziqiniseki­so bangama-550,” utshilo uMvoko.

UMvoko uthi oku kungenxa yeziphumo ezingekagq­itywa ukubalwa, iinkcukach­a ezingagqib­ekanga kwanezini ezingaqini­sekiswanga.

UVan Vuuren: “Kwale nto yokuba ibe kanti ingxaki yaba bafundi ayikasonju­lulwa emva kweminyaka emithathu, yinto engamkelek­anga futhi enefuthe elibi kubomi babafundi.”

“Aba bafundi baphumelel­e iMatriki kodwa abananto esandleni eqinisekis­a oko. Le nto inefuthe kwiinzame zabo zokufuna imisebenzi okanye ukufaka izicelo zeebhasari. Noxa nje iluxanduva lukaMalusi ukukhupha iziqinisek­iso zeMatriki, ikwaluxand­uva lwesebe ukufaka iinkcukach­a ezichaneki­leyo kukhala onguMalusi,” utshilo uVan Vuuren.

 ??  ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa