Isolezwe lesiXhosa

Kuvulwe isikiti sezigidi ezilithoba eDutywa

- PEDRO MAPELO

UMASIPALA waseMbhash­e wakhe isikiti esitsha kraca eDutywa ngenxa yokukhula kwenani lemfuyo eyabula esithubeni nokungalaw­uleki kakuhle kogcino lwemfuyo kwindawo ebesikuyo ngaphambil­i.

Isikiti esisemgang­athweni ophezulu esityabule uMbhashe Municipali­ty imali ethe kratya kwizigidi ezilithoba zeerandi (R9-million) sivulwe ngokusesik­weni ngoLwesihl­anu ogqithiley­o.

Umsitho wokuvula iingcango ubuzinyasw­e nguSekela-somlomo weNdlu yoWisomthe­tho, uMlibo Qoboshiyan­e, usodolophu uSamkelo Janda nezinye izitatanyi­swa.

Ngokokutsh­o kwabakhi, izindlu zesikiti zingasetye­nziswa njengendaw­o yokubambel­a iintlangan­iso, kukho iindawo zamahashe, ezeenkomo, ezamayeza emfuyo iphinde ibe kwayiyo nefandesi.

UQoboshiya­ne uyiqhwabel­e izandla into eyenziwe ngumasipal­a watsho esithi isikiti siza kugcina impahla yabantu, sisindise imiphefuml­o yabantu.

“Yinto eza kugcina impahla yalapha futhi ikhulise noqoqosho apha eMbhashe. Iza kuhlangula impahla elahlekile­yo iphinde ibasindise nabantu ezindlelen­i ngoba siyazi akusekho kukhatshel­wa kwempahla ngoku. Abantu bavula izibaya; baziyeke zigileke zibulale abantu njengokuba siqhele ukubona thina sihamba kwaba hola beendlela. Into ebalulekil­eyo ebantwini bakuthi kukukhusel­eka nokugcinwa kwezinto eza kushiyeka zingamafa wabantu – hayi umntu othile. Kukho isifo somlilo esilapha ezandleni zethu. Isiqalo sobulumko kukoyika izinto zabantu. Intle la nto; amafama aza kuxoxa imicimbi yawo phaya. Umhlaba ukhona, umntu uza kufumana imfuyo yakhe isegazini. Sifuna intsebenzi­swano phakathi kwethu singurhulu­mente noluntu,” utshilo uQoboshiya­ne.

“Siziva sichuluman­cile kuba umsebenzi ebesithuny­we wona siwufezeki­sile. Xa ujonga umgangatho womsebenzi usezingeni eliphezulu. Siyayivuye­la kakhulu lo nto. Ininzi kakhulu into eza kwenziwa phaya. Ngamanye amaxesha kuye kufuneke iindawo zokubambel­a iintlangan­iso. Iza kusebenza njengendaw­o yokubambel­a ezo ntlanganis­o. Sijonge ukuba kubekho nezinye izinto ezinokwenz­iwa phaya,” utshilo uJanda.

 ??  ?? Usekela somlomo wendlu yowiso-mthetho, uMlibo Qoboshiya noSamkelo Janda ongusodoso­lophi waseMbhash­e, bavule isikiti esityabule umasipala izigidi zerandi ezilithoba
Usekela somlomo wendlu yowiso-mthetho, uMlibo Qoboshiya noSamkelo Janda ongusodoso­lophi waseMbhash­e, bavule isikiti esityabule umasipala izigidi zerandi ezilithoba
 ??  ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa