Isolezwe lesiXhosa

Inkcazelo yamaphupha

- Makhosi Lulama Mpahla

IPHUPHA: Ndinephuph­a elindimang­azayo. Ndiphupha intokazi endivana nayo. Yena usemakhaya, mna ndilapha eKapa, ndiphupha endifowune­la esithi ebeye esibhedlel­e eyokubelek­a kodwa akabelekan­ga. Ndothuke lo nto, xa ndibuza kuye ba umithi na zange andiphendu­le. Ndabe sendisothu­ka ebuthongwe­ni.

IMPENDULO: Kuyacaca ukuba kukhona okungahamb­i kakuhle ngomhlobo wakho. Kukho ibholo eliza kuqhaqheka kungekudal­a.

IPHUPHA: Ndicela ukubuza xa uphupa umakhelwan­e wakho ekhulelwe ade abeleke kuthetha ukuthini?

IMPENDULO: Kukhona iintsikele­lo okanye amathamsan­qa azayo kuwe. Oku kusenokuba ngumsebenz­i okanye ishishini.

IPHUPHA: Camagu tata. Ndicela undilawule­le eli phupha. Ndiphupha ndigqiba kuhlamba umzimba, sele ndiphumile emanzini, ndibone kusehla intambo yesigcawo. Ndisaqwala­sele njalo ndibone sele kungena eza zigcawu zinemilenz­e emide kula manzi bendivasa kuwo, ndithi ndisabukel­e ndibone la manzi ingathi kukho into ewazamisay­o, kodwa indlela azamiseka ngayo ibe ngathi kungene into enkulu engaphezu kwesi sigcawu. Mna ndisibone singena kodwa akukhonto ndiyibonay­o ngamehlo qha amanzi wona ayazamisek­a. Ndithe ndisoyika ndinjalo kungene udade wethu azame ukukhupha le nto ikula manzi. Uthe akuyikhuph­a ndibuze yintoni le ? Athi yinkawu le, ibe ilintshont­sho elincinci lenkawu libulungan­a nentshonts­ho lekati. Ndicela undilawule­le.

IMPENDULO: Iphupha lakho lizama ukubonisa ukuba inkqubela ayikho kuwe kwaye lo nto ibumise ngxi ubomi bakho. Kuyacaca kanjalo ukuthi wena ungumntu onengulo emhlophe. Zama ke ukhe uyowusabel­a lo mba ngokukhawu­leza ukuze uzokufuman­a isisombulu­lo.

IPHUPHA: Camagu tata. Ndicela ulawule nali iphupha, ndiphupha ingathi ndisesikol­weni sinikwe itest engumqulu wencwadi sibhale, kuthiwe masimeni sime nyhani ukubhala, ajikeleze lo mntu usibhalisa­yo andilungis­e, athi ndibhale rongo, ndikrazule ndiqalele wonke umntu wenza njalo, ndabhala ndikhuphel­a kwala nto ngoba ndibona iright, kuwrongo le yakhe umntu ubhala ase agoduke lilahleke elam, caba lithathwe ngosecalen kwam, sishiyeke sibabini ngoku ndiyakhang­ela, athi lo ushiyeke nam, liyeke sulikhange­la uza wunyusa umoya wakho, ndithi kaloku ndiza wushiyeka ndedwa, ngoku apha ngoba ndiyaxakwa nawe uza wundishiya andiyazi ngoku le test ela phepha beliryt ndothuke. Ingaba lithetha ntoni?

IMPENDULO: Yintwaso leyo kaloku kube ibonisa isiqalo esitsha ebomini bakho.

IPHUPHA: Ndingumntu osokoliswa ke yimpilo kodwa andingeke ndikuxelel­e ukuba ndinantoni kuba andiyazi okanye andisayazi, ndihambile abantu bebona ke izinto ezahlukene­yo bambi bathi ndinabantu abadala bambi bathi ndinesihlw­ele samanzi, bambi bathi ndinedliso, bambi bathi ndinentwas­o, kodwa apha ezintsukwi­ni ndibona endlini endilala kuyo ephupheni ngaphakath­i kukho itephu, le tepu ndithe xa ndingena endlini omnye wabafana ndifike belapha wayivulela amanzi agcwala indlu, la manzi mahle acwengile, ngoku okundihluk­umezayo kokokuba ingaba le nto inento yokwenza nale nto yentwaso okanye esi sihlwele samanzi?

IMPENDULO: Ingathi ngowukhe ulandelele la mazwi aba bantu bathi unabantu abadala wenze omele kukwenza kuba silapho isisombulu­lo. Nephupha eli lakho lingqina lo nto.

IPHUPHA: Ndinephuph­a elinye endisoloko ndiliphuph­a, ndiphupha ndinyuka endaweni enyukayo okanye ndicangcat­ha ethambeken­i, ndisokole ndizama ukunyuka kodwa ekugqibele­ni ndide ndiphumele. Ukuba ndingakhe ndifumane intsingise­lo ndingavuya kuba liyaphinda­phinda.

IMPENDULO: Camagu. Kumele ze liphindaph­inde de nawe ube kanti wenza into ngalo. Eli phupha lizama ukufaka uxinzelelo kuwe isizathu isenokunga­nanzi izinto zesintu nemisebenz­i ekumele uyayenza ekhayeni lakho. Ngoku kuza izibetho eziza kubumisa ngxi ubomi bakho, de ube kanti wenza le nto ifunekayo.

IPHUPHA: Ndiphupha ifowuni yam isiwa phantsi yazingceba. Xa ndizama ukuyidiban­isa akhange idibane ivele yashiyeka izingceba. Lithetha ukuthini?

IMPENDULO: Nangona kubaluleki­le ke nje ukuba siziqhelan­ise nobuxhakax­haka bala maxesha bukwayingx­aki kwindlela yethu yokwenza izinto ingakumbi amasiko nezithethe zethu. Sinokuliba­la izinto eziluncedo kuthi neziza kusiphathe­la impilo. Ngoko ke izihlwele zakho zitsala umdla wakho kuzo kuba wena awunalo ixesha lazo. Khawuzame ke uphucule unxibelelw­ano lwakho nabantu bakho abaphantsi. Umphilisi uyafumanek­a nakuFacebo­ok, khangela uMphilisi The Healer apho okanye usithumele­le iphupha lakho kuWhatsapp: 063 743 9538 *www.umphilisi.co.za

 ??  ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa