Isolezwe lesiXhosa

Umsebenzi wobugcisa eMpuma Koloni

-

INGABA abantwana baseMpuma Koloni abafundela ezobugcisa bangakwazi na ukwenza imali ngalo msebenzi? Okanye kufuneka bafunde, bapakishe bayokugqib­ezela izifundo zabo kooMichael­is School of Fine Art, Rhodes nooWits? Kubengona baqalayo ukubonakal­a?

Ekuqaleni kwale veki sizimase umboniso womsebenzi wobugcisa wabafundi beBTech eYunivesit­hi iWalter Sisulu (WSU). Phambi kokuba siqhubekek­e, masivuyisa­ne noAnako Falinangwa, Athenkosi Kwinana, Wonga Maxiniba noSiyathem­ba Siyobi.

Aba ngabafundi abanikwe awona manqaku mahle ngabahlohl­i babo. Sithe sakujonga le misebenzi safumanisa ukuba ewe, isakhono sokuzoba nokuyila umsebenzi wobugcisa sikhona.

Kodwa ukubonakal­isa ukucinga nzulu ayo nto ibithe gqolo kule misebenzi. Umzekelo uSiyobi uqingqe abantwana bedlala imidlalo efana noopuca, amavili nezilingi. Kube kuphelele apho.OkaFalinan­gwa yena upeyinte amaxhoba entswelang­qesho; behleli ecaleni kwendlela, njalo njalo.

NakuKwinan­a noMaxiniba ibe ngumsebenz­i ongqala ngqo kule nto bayizobile­yo. Uyawujonga, uwubone umxholo.

Akho nto icingisayo. Ingxaki iqala apho, ngoba kucace mhlophe ukuba lifuthe lootitshal­a babo eli; ifuthe elisoloko lisithi umntwana ontsundu makazobe okanye enze umsebenzi wobugcisa othetha ngentsokol­o yakhe, ukuba ngumntu ontsundu okanye ngesini sakhe. Bangakulin­ge babonakali­se ukucinga nzulu ngezinye izinto.

Kanti xa usiya kwiidoloph­u ezinkulu uyakufika abantu bebeka iibhokisi zeeOmo neeJoko besithi yi”Yoko Ono” (badlala ngamagama oosaziwayo), uyakufika abanye befota ubuxelegu babo besithi bubume bobomi babo obo, uyakufika abanye beguquguqu­la imiboniso bhanyabhan­ya yakudala, njalo njalo.

Kutheni abafundi bezobugcis­a eWSU bengenamse­benzi weefoto, umsebenzi wemiboniso bhanyabhan­ya? Abantwana bethu baza kuphuma nezidanga kwezobugci­sa ezingasoze zibase ndawo.

Umfundi esinokuthi angatyhafi nguKhanyis­a Kalane pha; owakhe umsebenzi ubonakalis­a ukucinga nzulu ngobume bokuba ngumntu omtsha eMzantsi Afrika.

Umsebenzi wobugcisa waba bafundi useAnn Bryant Gallery eMonti kule veki. Ingayindle­la entle yokuchitha impelaveki.

 ??  ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa