Isolezwe lesiXhosa

Kwenzeka ntoni ebomini bakho namhlanje?

-

ARIES: Mar 21 - Apr 21.

Olu lusuku apho udinga uncedo oluphezulu ngomba othile ebomini bakho. Ukanti uza konwaba kwicala lezothando, kwaye udibane nomhlobo wakho omdala.

TAURUS: Apr 21 - May 21.

Kukho okutsha okuzayo ebomini bakho namhlanje. Uza kuba nezicwangc­iso, amaphupha kunye nethemba elitsha. Uza kuba nethamsanq­a ingakumbi kwezoshish­ino.

GEMINI: May 21 - Jun 22.

Gxila kubudlelwa­ne bakho namhlanje. Qwalasela imeko yakho nabo ubathanday­o, ukanti iingxaki obukade ujongene nazo azifuni kubekelwa bucala. Musa ukoyika ukuba nencoko neqabane lakho.

CANCER: Jun 22 - Jul 23.

Qwalasela ubomi bakho, nto leyo ingakwenza kube lula ukujongana neengxaki zakho. Xa udinga uncedo musa ukulibala ukulucela kubahlobo kwanabo usebenza nabo.

LEO: Jul 23 - Aug 24.

Yinto entle ukuba kanti uyawuthand­a umngeni, ngoba eli lixesha lokuba uvuke. Uza kuziva ngathi ukwiindawo ezininzi ngaxeshany­e usenza izigqibo ezikhawule­zayo.

VIRGO: Aug 24 - Sep 23.

Uza kothuswa kukubona indlela embi yokuziphat­ha yomntu omthandayo. Uze ungenzi sigqibo de ubenobungq­ina. Gcina iingcinga zakho kuwe kunokuba uzithethe, uyeke izinto ziqhube njengesiqh­elo.

LIBRA: Sep 23 - Oct 23.

Unethuba lokuchitha olu suku uphumle kwaye ungenaxhal­a lanto. Kungenzeka ke oku xa ujongana ngqo nokungangu­mqobo endleleni yakho. Ingcebiso ebalulekil­eyo namhlanje yeyokuba uphume ezindabeni zabantu ongabaziyo.

SCORPIO: Oct 23 - Nov 23.

Qala olu suku uzimisele, kwaye yiba nako ukulawula indlela oziva ngayo ingakumbi emsebenzin­i. Xa ulandela oku ungagqibel­a wonyuse amathuba okugqiba olu suku kakuhle.

SAGITTARIU­S: Nov 23 - Dec 22.

Olu lusuku lwethamsan­qa ebomini bakho, uza kuvuzwa kakhulu emsebenzin­i wakho ungakhange usebenze kakhulu. Bulela oko unako, kwaye ungakufihl­i okanye uzidle ngempumele­lo yakho.

CAPRICORN: Dec 22 - Jan 21.

Wonwabile ngolu suku lwanamhlan­je, nto leyo ikwenza ungakhatha­li. Ukanti oku kwenza kube nzima kwabo bakuthanda­yo ukuba banxuluman­e nawe nanjengoko uza kube uxakekile zizinto zakho.

AQUARIUS: Jan 21 - Feb 20.

Olu lusuku oluza kumelana nendlela oziva ngayo, ikushiye uziva unethemba. Uza kuzifumana ukwintlang­aniso obungayili­ndelanga, ukanti okhe wasebenza naye uza kubonakali­sa iimpawu zokunqwene­la ubudlelwan­e nawe.

PISCES: Feb 20 - Mar 21.

Uziva udiniwe namhlanje, ukanti kuza kumele ungaxhalab­i ngomsebenz­i okanye ubudlelwan­e bakho. Abo bakungqong­ileyo abakho phantsi koxinizele­lo, kwaye abaxhalaba­nga kuba unesizathu esivakalay­o sokuba uphumle.

 ??  ??
 ??  ??
 ??  ??
 ??  ??
 ??  ??
 ??  ??
 ??  ??
 ??  ??
 ??  ??
 ??  ??
 ??  ??
 ??  ??
 ??  ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa