UNandi weGenerations yimvumi yokholo!
UNANDI kwiGenerations: The Legacy obedlalwa nguBrenda Mhlongo ebengomnye wabalingisi abaphambili kulo mdlalo weSABC 1. Sisandul’ ukuva ukuba uMhlongo akaseyonxalenye nalo mdlalo uyintandane yoMzantsi Afrika.
Ngokutsho kwabasemfuthweni wolwazi, uBrenda, owayekhe wadlala indawo kaRafiki kwiLion King, umkile kwiGenerations.
UBrenda ukungqinile okokuba sele egqibile ukwenza iziqendwana zakhe.
“Isivumelwano sam khange sihlaziywe. Ababhali bathe abanawo amacebo okuqhubekeka nomlinganiswa bendimdlala,” utshilo.
UBrenda uzibandakanye nalo mdlalo kamabonakude kwiminyaka emibini edlulileyo njengoNandi – inkosikazi kaJack Mabaso. UNandi yinkosikazi ebikhe yaphazamiseka ngokwasengqondweni – oku kumenze wathandwa ngabalandeli beGenerations.
Lo mama wabantwana abathathu, osandul’ ukubhiyozela iminyaka engama20 yomtshato nowakwakhe, uthi nanjengoko engasasebenzi ngoku uza kugxila emculweni.
Uthi uneengoma ezisixhenxe zomculo wokholo azenze neemvumi ezohlukeneyo.
Ubalisa athi ukucula umculo wokholo yinto awayithanda eselula kodwa wakhetha ukungawuculi.
“Ingxaki bingeyokuba bendizixelela ukuba abantu ngeke bawamkele umculo wam ngenxa yomntu endinguye. Akekho owakhe wathi umculo wokholo awundifanelanga, kodwa biyinto bendizicingela yona. Ngenxa yokukhula ngokwasengqondweni ndiye ndabona ukuba ezi ngcinga kufanele ndizitshintshe ndenze into endiyithandayo nendinxulumanisa noThixo,” kutsho uBrenda.
Uthi okwangoku akukho nkampani asayine phantsi kwayo ngokuba akafuni ukuxinwa ngokukhupha ialbham, engafuni kuphazanyiswa yikhontrakti xa kufuneka ebuyele ekulingiseni kumabonakude xa kunokuvela ithuba nanjengoko esazimisele ukwenza njalo.
Ngaphandle kokucula, uthi uphinda axakeke yiBrenda Mhlongo Worldwide Foundation ejongene nokunceda abantwana abahlala ezitalatweni ukuze babuyelane neentsapho zabo. Uthi koku usebenzisana nabefundisi.
Icwecwe lakhe kulindeleke liphume kwiPasika yonyaka ozayo.