Ngathi siwuphemba singawothi
BHOTANI mawethu! Uncwadi lwabantwana siyalulambatha, kungapheleli nje koko, sisilela nangakumbi ukukhe sibenethuba nabantwana bethu sibafundele iincwadi.
Ndakhe ndayenye yeejaji ezazabelwe ukuhlola isakhono sokufunda iincwadi kwabantwana bezikolo, olo yayilukhuphiswano olwaluqhutywa siSixeko saseKapa nalapho kwakukhuphisana abantwana bezikolo, kambe ingulo mqela usePrimary.
Into endandiyiphawula apho kukufunda ngokungxama kubantwana abaninzi, ze noko kunjalo ziingagqalwa iziphumlisi nezingxi, ngathuba lithile.
Kambe koko kungxama umntwana uye afunde njee kungekho nto ayibambileyo nayivayo, ikukuphimisela nje amagama angenantsingiselo kuye.
Ke kuyabaluleka ukubafundela abantwana iincwadi ukuze bafumane indlela eyiyo yokufunda incwadi. Ngokwenza njalo uyakube umetha intshisakalo umlola ekonwabeleni uncwadi.
Umdaniso woloyiso, yincwadi eyabhalwa nguJoseph William ngesiNgesi ze yaguqulelwa esiXhoseni nguNothabazi Ntshinga. Yincwadi yabantwana le enika umdla nenemfundiso emmandla ngemiba esingqongileyo. Yapapashwa ngumzi wakwaKwela Books, phaya ngomnyaka ka1997.
Kule ncwadi uRosie uzibona ephumelela unyulo lokuba yikhansila. Eli nenekazi nelingumsebenzi wasemakhitshini wathi esakubona inkxwaleko nokuhleleleka kwabantu abahluphekileyo wagqiba kwelokuba azigqatsele eso sikhundla. Imvakalelo yakhe ngakubantu abangathathi ntweni yiyo eyamqweqwedisa de yamenza aphume kwezo zinxibo zasekhitshini avathe ezobusopolitiki.
Kwathi noko ebezidela ngenxa yamava nokungabinamfundo enomsila, abantu abayihoya yonke loo nto, bamnika inkxaso engagungqiyo. Mhlawumbi oko babekwenza kuba bebona omnye ofana nabo.
Ewe mhlawumbi kunjalo, kuba naye uRosie yinto awayeyiphinda qho ukuyithetha leyo esithi, ndingomnye wenu. Tsii! Nguqhelekile kubomi bethu ukuqhathwa ngoosopolitiki besithembisa ngento le yonke, kuthi kusakube kugqityiwe ukwenyulwa bangaze baphinde babonakale phakathi koluntu.
Uthi mhlawumbi ayisiso na isigqibo esenze uRosie athathele kuye olo xanduva? Andithi kaloku uMnu Temple, indoda awayebangisana nayo kweso sikhundla sobukhansila yayikweso sikhundla iminyaka yaye ifumile nanjengoko yayinamashishini. Ke kwakuzovelaphi ukucingelwa komntu olambileyo yiyo?
Uthi asilonyathelo esifanele kulithabatha na eli? Owu hayi kodwa! Ndifana ndithetha nje nam, yimbuqe into ekhe yaqhubeka kweli lizwe sibukele.
Kanye ngexesha sasinomongameli esasisithi uyazazi iingxaki zomntu ohluphekayo, yakukhona ngathi intlupheko akayazi. Abantu abahluphekileyo basuka benziwa into yokuhlekisa, sikhusela into engenasiphelo ngelo xesha kuyonakala.
Ewe ungangavumi nje, ilizwe lethu selikule nyhunyhu nje koku kuthi, hayi lo ungomnye wethu. Ngathi ngesitshintsha ukwenza xa sityumba inkokheli ezokusimela.
Ukufunda nokungafundi kwakhe lowo uyinkokheli akuncedisi lonke ixesha. Akutshiwo na ukuba inkokheli iyazalwa, ke ukuchubeka kwayo kukwalapho ekuzalweni kwayo.
Kona kuthatha igorha ukuzigqatsela ukukhokela abantu ngokunyanisekileyo. Abantu kule mihla abasathembekanga. Seyinomdintsi nepolitiki yale mihla kuba yeyezisu.
Akusekho mntu ucingela omnye, nguwayawaya uwashiywa nowashiywa. Mandithob’ amaxhayi kanye kule ndawo ngelithi, ukusa akufiki kabini ukuvusa umntu. Ndiniyekile! Owenu kusiba noncwadi lwesiXhosa.