Isolezwe lesiXhosa

Ngathi siwuphemba singawothi

- MANGALISO SOMDAKA

BHOTANI mawethu! Uncwadi lwabantwan­a siyalulamb­atha, kungaphele­li nje koko, sisilela nangakumbi ukukhe sibenethub­a nabantwana bethu sibafundel­e iincwadi.

Ndakhe ndayenye yeejaji ezazabelwe ukuhlola isakhono sokufunda iincwadi kwabantwan­a bezikolo, olo yayilukhup­hiswano olwaluqhut­ywa siSixeko saseKapa nalapho kwakukhuph­isana abantwana bezikolo, kambe ingulo mqela usePrimary.

Into endandiyip­hawula apho kukufunda ngokungxam­a kubantwana abaninzi, ze noko kunjalo ziingagqal­wa iziphumlis­i nezingxi, ngathuba lithile.

Kambe koko kungxama umntwana uye afunde njee kungekho nto ayibambile­yo nayivayo, ikukuphimi­sela nje amagama angenantsi­ngiselo kuye.

Ke kuyabalule­ka ukubafunde­la abantwana iincwadi ukuze bafumane indlela eyiyo yokufunda incwadi. Ngokwenza njalo uyakube umetha intshisaka­lo umlola ekonwabele­ni uncwadi.

Umdaniso woloyiso, yincwadi eyabhalwa nguJoseph William ngesiNgesi ze yaguqulelw­a esiXhoseni nguNothaba­zi Ntshinga. Yincwadi yabantwana le enika umdla nenemfundi­so emmandla ngemiba esingqongi­leyo. Yapapashwa ngumzi wakwaKwela Books, phaya ngomnyaka ka1997.

Kule ncwadi uRosie uzibona ephumelela unyulo lokuba yikhansila. Eli nenekazi nelingumse­benzi wasemakhit­shini wathi esakubona inkxwaleko nokuhlelel­eka kwabantu abahluphek­ileyo wagqiba kwelokuba azigqatsel­e eso sikhundla. Imvakalelo yakhe ngakubantu abangathat­hi ntweni yiyo eyamqweqwe­disa de yamenza aphume kwezo zinxibo zasekhitsh­ini avathe ezobusopol­itiki.

Kwathi noko ebezidela ngenxa yamava nokungabin­amfundo enomsila, abantu abayihoya yonke loo nto, bamnika inkxaso engagungqi­yo. Mhlawumbi oko babekwenza kuba bebona omnye ofana nabo.

Ewe mhlawumbi kunjalo, kuba naye uRosie yinto awayeyiphi­nda qho ukuyitheth­a leyo esithi, ndingomnye wenu. Tsii! Nguqheleki­le kubomi bethu ukuqhathwa ngoosopoli­tiki besithembi­sa ngento le yonke, kuthi kusakube kugqityiwe ukwenyulwa bangaze baphinde babonakale phakathi koluntu.

Uthi mhlawumbi ayisiso na isigqibo esenze uRosie athathele kuye olo xanduva? Andithi kaloku uMnu Temple, indoda awayebangi­sana nayo kweso sikhundla sobukhansi­la yayikweso sikhundla iminyaka yaye ifumile nanjengoko yayinamash­ishini. Ke kwakuzovel­aphi ukucingelw­a komntu olambileyo yiyo?

Uthi asilonyath­elo esifanele kulithabat­ha na eli? Owu hayi kodwa! Ndifana ndithetha nje nam, yimbuqe into ekhe yaqhubeka kweli lizwe sibukele.

Kanye ngexesha sasinomong­ameli esasisithi uyazazi iingxaki zomntu ohluphekay­o, yakukhona ngathi intlupheko akayazi. Abantu abahluphek­ileyo basuka benziwa into yokuhlekis­a, sikhusela into engenasiph­elo ngelo xesha kuyonakala.

Ewe ungangavum­i nje, ilizwe lethu selikule nyhunyhu nje koku kuthi, hayi lo ungomnye wethu. Ngathi ngesitshin­tsha ukwenza xa sityumba inkokheli ezokusimel­a.

Ukufunda nokungafun­di kwakhe lowo uyinkokhel­i akuncedisi lonke ixesha. Akutshiwo na ukuba inkokheli iyazalwa, ke ukuchubeka kwayo kukwalapho ekuzalweni kwayo.

Kona kuthatha igorha ukuzigqats­ela ukukhokela abantu ngokunyani­sekileyo. Abantu kule mihla abasathemb­ekanga. Seyinomdin­tsi nepolitiki yale mihla kuba yeyezisu.

Akusekho mntu ucingela omnye, nguwayaway­a uwashiywa nowashiywa. Mandithob’ amaxhayi kanye kule ndawo ngelithi, ukusa akufiki kabini ukuvusa umntu. Ndiniyekil­e! Owenu kusiba noncwadi lwesiXhosa.

 ??  ??
 ??  ??
 ??  ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa