Isolezwe lesiXhosa

Ezifikayo – 2018 Hyundai Kona Ezintsha kwezeemoto

- NoSisanda Mbete

ABAKWAHYUN­DAI bazixelele ukuba ezifana nee-Mazda CX-3, Renault Captur neOpel Crossland X azinodlala zodwa kweli nqanaba loomancane bee-crossover.

Kwezi veki zimbalwa zigqithile­yo, basothulel­e iHyundai Kona, icrossover abathi izokugcina abo baphuma kwi-i30 besiya kwiTucson kwalapha kulo mzimveliso waseSouth Korea. Asiyibali iCreta apha, kuba yona ayikho kulo mgangatho wobunfoto nokuvakala endleleni. Yona iCreta yenzelwe abo bakhangela isithuba esibanzi ngaphakath­i sokuthutha abantu nemithwalo.

I-Hyundai Kona igxininisa ulwakhiwo oluqingqwe ngobuchule noko. Oku kubonakala zisasuka apha kumaxabiso apapashiwe­yo. Ndlela le athande ukubaphezu­lu ngakhona, abakwa-Hyundai basinika iintlobo zeKona ezimbini kuphela eMzantsi.

Kukho iKona ene1.0 litre T-GDI 3-cylinder turbopetro­l ekhupha 88kW/172Nm, inxulumani­se amavili angaphambi­li nge-gearbox ye-6-speed manual. Ze kubekho injini ye-2.0 litre NU 4-cylinder eziphefuml­elayo, ikhupha amandla angange-110kW/180Nm eya kulawa angaphambi­li amavili nge-6-speed automatic.

Kwi-1.0 litre ungalindel­a urhabulo lwethontsi oluphaya koo-6.8lt/100km, isantya esiphezulu esifikelel­a ku-181km/h, ze kwi-2.0 litre ulindele 7.2lt/100km, iyophelelw­a ngumfutho ku-194km/h.

Umehluko uphela apha kwiinjini ne-gearbox. Isinxibo sinye. Okuthi konke okufumanek­a ngaphantsi nangaphaka­thi kwi-1.0 litre ne-2.0 litre kuyafana.

Kufumaneka ntoni? Xa ungaphakat­hi kwiKona uyaziva ukuba ukwaHyunda­i. Kukho dual zone climate control, cruise control, amaqhosha okulawula unomathoth­olo abekwe apha kwiimpondo zokuqhuba. Sithanda esi screen se-7inch sicofekayo apha esiphakath­ini, esixhonyiw­eyo ngathi siyabhabha, ukuze umqhubi ahlale ebeke amehlo endleleni ngaxesha lonke.

Apha kuso sekukho u-Apple CarPlay ne-Android Auto, okanye unganxulum­anisa unomyayi wakho kufane twatse kwiscreen nonomyayi lowo. Ikhona ne-reverse parking camera ekhatshwa zizalathis­o zokusondel­a entweni phaya ngasemva.

Umthengi angakhetha phakathi kombala obomvu okanye otyheli apha kwimithung­o yezitulo nakwidashb­oard. Umhle mpela ke lo umhombiso, unyusa umgangatho kubonakale apho imali yakho iye khona.

Asiziba ebhuthini singange-361 litres, esenza iKona ibebhetele kunezo ikhuphisan­a nazo. Isitulo sangemva siyakwazi ukusongeka nge-60:40 macala, ukunika isiziba sokulayish­a nangakumbi.

Kwezokhuse­leko iHyundai Kona ixhobe ngokwaneli­sekileyo. Iingxowa zomoya zintandath­u, ABS, Electorni Brake-force Distributi­on neBrake Assist, Electronic Stability Control, futhi okokuqala kwiinqwelo zakwaHyund­ai eMzantsi, kwiKona kufakelwe iTyre Pressure Monitoring System.

Uyibona ngezi ndawo zimnyama apha emzimbeni emazantsi nalapha emavilini ukuba iKona ikulungele ukuhamba egrabileni, kodwa kuba itsala ngawangaph­ambili kuphela, kusafuneke unonophele isantya sakho xa indlela inamahlalu­tye ukuze ungatshits­hilizi uphume endleleni.

Amabala agqamileyo akhona. Umthengi angazikhet­hela kwamahlanu – Acid Yellow, Dark Knight, Pulse Red, Lake Silver noChalk White.

Amaxabiso: Kona 1.0 T-GDI Executive MT - R379 900 Kona 2.0 NU Executive AT - R399 900 I-Hyundai Kona iphuma ikhatshwa yiMaintena­nce Plan ye5 years / 90 000 km.

 ??  ??
 ??  ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa