Isolezwe lesiXhosa

Ubuyele kwiBafana unyana wolahleko

- PEDRO MAPELO

KUYE kwanyanzel­eka umqeqeshi weBafana Bafana, uStuart Baxter, achophe ayichaze into ebangele aquke uThulani Serero kwiqela labadlali abaza kuqubisana neNigeria kwiveki ezayo.

USerero, 28, walinikela umva ilizwe lakhe kunyaka ophelileyo ngenxa yokungadla­liswa kwiqela lesizwe nguBaxter imidlalo ilandelela­na.

Lo mdlali weBafana wathi kungcono ahlale eYurophu endaweni yokonyuka esehla emva koko angadlalis­wa.

UMzantsi Afrika wamkela ilizwe laseNigeri­a kumdlalo obalulekil­eyo oza kube useFNB Stadium wokuzibeke­la indawo kwitumente yeAfrika ekulindele­ke ibe kunyaka ozayo.

Iingxelo zamajelo eendaba zithi ukubuya kukaSerero ngunozala weengxoxo ebeziphaka­thi kwakhe nezikhulu zeSouth African Football Associatio­n.

UBaxter uxelele iintatheli ekuqaleni kwale veki okokuba uthethile noSerero futhi bavumelana ngokuba akukho mpatho ekhethekil­eyo aya kuthi ayilindele kuye.

“UThulani ubaxelele abantu beSafa ukuba uyakufuna ukudlalela iqela lesizwe kwakhona. Ndiye ndajonga indlela aqhuba ngayo eqeleni lakhe. Udlala kakuhle kakhulu. Ndithethil­e naye futhi ndamxelela okokuba ubukho bakhe abunayo imiqathang­o. Naye undiqinise­kisile okokuba kunjalo kwaye uyakuvuyel­a ukubuyela kwiqela lesizwe. Oku akuthethi kuthi kukwazenze­le kwiqela lesizwe. Siyazama ukuqinisa indlela yokuziphat­ha. UThulani ubiziwe ngoba ungumdlali obalulekil­eyo,” utshilo uBaxter.

UBaxter ukwamkele ke kambe ukubuya kukaSerero edlalela iqela laseNether­lands, watsho esithi indlela adlala ngayo inokulince­disa iqela lakhe elidlala namaqela afana neNigeria.

“Wathatha isigqibo esibi yena xeshikweni ekhetha ukungezi kwiBafana – kodwa ke wonke umntu unelungelo lokufumana ithuba lesibini. Indlela adlala ngayo inokulince­disa iqela xa lihlasela ngoba ungumdlali onamendu nokwaziyo ukungena kwiindawo ezivalekil­eyo,” utshilo uBaxter ethetha neentathel­i eGoli.

 ?? UMFANEKISO: SAMUEL SHIVAMBU/BACKPAGEPI­X ?? Captions: UThulani Serero ubuyele kwiqela lesizwe emva kokulinike­la umva kunyaka ophelileyo
UMFANEKISO: SAMUEL SHIVAMBU/BACKPAGEPI­X Captions: UThulani Serero ubuyele kwiqela lesizwe emva kokulinike­la umva kunyaka ophelileyo

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa