Isolezwe lesiXhosa

Amaqela aseMdantsa­ne avan’amandla kwiMTN 8

- PEDRO MAPELO

IMPELAVEKI inye yile! Ngamaqela amabini akwazileyo ukuzibekel­a indawo kumdlalo wokugqibel­a wetumente ekuthiwa yiMTN 8.

Emva kokubulala amaqela aliqela, iGreen Lovers ne-Ace Cosmos ziza kuvan’amandla kwiWafa Wafa emini ngoMgqibel­o kwibala ekuthiwa yiOrlando kufutshane neSisa Dukashe Stadium.

Iqela eliphumele­leyo liza kugoduka neshumi lamawaka eerandi (R10 000), indebe yegolide neembasa.

Amanye amaqela abe yinxalenye yale tumente yamaqela asibhozo ayakufuman­a amawaka amabini iqela ngalinye njengentut­huzelo.

Itumente iququzelel­wa nguMTN kwiphondo laseMpuma Koloni ebambisene neMdantsan­e Football Associatio­n.

Le yenye yeendlela zikaMTN zokutyala kwiindawo zabantu ukuze kubekho abadlali bebhola ekhatywayo abaza kuhluma, bakhule bade baye kumgangath­o ophezulu.

Iyaqala ukubakho kulo nyaka – kodwa yinto ekulindele­ke iqhube ixesha elide ukuba izinto zihamba kakuhle. Kwiveki ephelileyo abethene amaqela adlala phantsi kweMdantsa­ne Football kwade kwashiyeka amabini.

Imidlalo yonke ibisemgang­athweni kwaye kubonakala ukuba amaqela azimisele ukulwela indebe. IGreen Lovers lelona qela elithe lazibalula ngeCawe egqithiley­o ngethuba ibetha iSuper Race ngo’5-0.

Izamile iSuper Race ukudlala – kodwa yonganyelw­e yiLovers ebibhakuze­lisa umnatha into engenasiph­elo. Komnye umdlalo iCosmos izibethele iDiplomats ngo’2-1.

Omabini amaqela aya kumdlalo wokugqibel­a ethembisa kakhulu emva kokuzibona­kalisa ngeCawe ephelileyo.

Noxa iCosmos ingaphumel­elanga ngamagowul­i amaninzi – kodwa inamandla. Emdlalweni ogqithiley­o ikwazile ukoyisa iDiplomats ebihamba phambili ixesha elide emdlalweni.

Ukuba indlela edlale ngayo iLovers inokuyigci­na, ngaphandle kwamathand­abuzo inethuba elihle lokuphumel­ela iMTN 8 yaseMpuma Koloni okokuqala.

 ?? UMFANEKISO: PEDRO MAPELO ?? UThabo September no-Ella Ajayi ngethuba bephiswa ngempahla yokudlala kwisikolo saseMdants­ane
UMFANEKISO: PEDRO MAPELO UThabo September no-Ella Ajayi ngethuba bephiswa ngempahla yokudlala kwisikolo saseMdants­ane

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa