Isolezwe lesiXhosa

Lidinga inkxasomal­i iqela lamaneneka­zi eGcuwa

- ANELE RAZIYA

NANGONA iqela laseGcuwa lamaneneka­zi liphumelel­e iSasol League ityeli lesibini, kodwa linengxaki enkulu elijongene nayo.

Kwiveki ephelileyo, iThunderbi­rds Ladies ithweswe isithsaba njengeents­hatsheli - kodwa konke oko ibe ngumbhiyoz­o wethutyana kuba kungokunje idinga abaxhasi abaza kuyinceda xa idlala kwiSasol Legue National Championsh­ips kwinyanga ezayo eMntla Koloni.

Le yitumente edlalwa ngamaqela aphumelele iintshinga zeSasol League kumaphondo olithoba. Imidlalo yeSasol League National Championsh­ip ithatha iveki yonke xa idlalwa ngamaqela aziintshat­sheli.

Umqeqeshi weLadies, uThembalet­hu Apleni, uxhalabile kuba iqela lakhe lidinga inkxaso njengokuba lilungisel­ela ukuya eKimberly.

“Asinayo into yokukhweli­sa abadlali bethu kwaye asinayo neyokubaty­isa xa siseKimber­ly. Eyona ngxaki enkulu esijongene nayo kukungabi nabaxhasi kodwa soze siphele amandla ngenxa yalo nto,” utshilo uApleni.

Uthi oko kuqale isizini bekhangela abaxhasi kwindawo yaseGcuwa nakwezinye iindawo, abakabafum­ani.

Kunyaka ophelileyo, iLadies eyayidlala okokuqala kule tumente - yenza amabonande­nzile ukuze iyokufikel­ela eNelspruit apho kwakudlale­lwa khona.

Yabuya nodumo apho kuba yabamba indawo yesithathu yaze yafumana iimbasa zeBronze kunye nemali eyiR60 000, kwaye yayiliqela lokuqala eMpuma Koloni elidlale kwitumente enkulu yebhola yamaneneka­zi.

Kunyaka ozayo iLadies iza kuba liqela lokuqala eliza kudlala kwiSasol League kudidi oluphezulu ekulindele­ke iqale kwinyanga kaTshazimp­uzi.

Ngamaqela alishumi elinesibin­i aza kukhuphisa­na kuyo kuzwelonke ze komnye unyaka olandelayo kongezwe amanye, atsho abelishumi elinesitha­ndathu njengakwiP­SL.

 ?? UMFANEKISO: ANELE RAZIYA ?? Iqela laseGcuwa, iThunderbi­rds Ladies, ziintshats­heli zeSasol League kodwa lidinga imali yokuya kwimidlalo kazwelonke.
UMFANEKISO: ANELE RAZIYA Iqela laseGcuwa, iThunderbi­rds Ladies, ziintshats­heli zeSasol League kodwa lidinga imali yokuya kwimidlalo kazwelonke.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa