Isolezwe lesiXhosa

‘Ayisonwabi­sanga indawo elikuyo iqela’

- PEDRO MAPELO

IQELA laseMpuma Koloni, iChippa United, liza kujamelana nowona mdlalo onzima ngempelave­ki xa ligagana neKaizer Chiefs. Ngentsimbi yesithanda­thu ngongcwala­zi ngoMgqibel­o, iChippa iza kuzama indlela yokufumana amanqaku apheleleyo xa idibana neChiefs kumdlalo wePSL oza kube useMoses Mabhida Stadium.

Akukho mathandabu­zo, umdlalo uza kutak’iintlantsi ngoba amaqela omabini athanda ibhola ehamba phantsi.

Ngaphezulu koko, umdlalo ophakathi kweChiefs neChippa usoloko ushiya iinkumbulo ezingaliba­lekileyo ezingqondw­eni zabalandel­i bebhola.

IChippa iya emdlalweni iqhwalela emva kokubethwa kwimidlalo yePSL emibini yiHighland­s Park neMamelodi Sundowns. Umqeqeshi wayo, uEric Tinkler, ukhale ngokungabi bukhali kwabadlali bakhe phambi kweepali – kodwa watsho esithi yinto aza kuthi agxile kuyo.

Nawo Amakhosi aya eThekwini efungele impumelelo emva kokubethwa kabuhlungu yiOrlando Pirates ngo’2-1 kumdlalo obuseFNB Stadium kutshanje.

I’solezwe lesiXhosa lincokole noKapteni weChippa United, uMark Mayambela, othe iqela lakhe liza kulwela amanqaku amathathu emva kokuphuluk­ana nemidlalo emibini ilandelela­na phambi komdlalo wangempela­veki.

“Ubaluleke kakhulu umdlalo ophakathi kwethu neChiefs,” utshilo uMayambela.

“Siyazama ngako konke ukulungise­lela umdlalo. Injongo yethu kukufumana iziphumo ezincumisa­yo emdlalweni ngoba asiqhubang­a kakuhle kwimidlalo egqithiley­o. Sibethwe kwimidlalo emibini ilandelela­na. Lo nto ibonisa ukuba asikho kwisimo esihle kwaye asikwazi ukukhetha imidlalo ngoku. Ubaluleke kakhulu umdlalo esiya kuwo ngoba kufuneka sifumane amanqaku kuwo.

UTinkler unomsebenz­i onzima wokufunqul­a ukuzithemb­a kwabadlali phambi kokudibana neChiefs.

Nakubeni ebengadlal­anga kumdlalo obuphakath­i kweChippa neSundowns emva kokuxabana nomqeqeshi – uMayambela uthi ayikho enye indlela ngaphandle kokubhitye­la ebhulukhwe­ni.

“Umoya wabadlali uphantsi emva kokubethwa yiMamelodi Sundowns – kodwa ke kunyanzele­kile ukuba siyiphose ngasemva lo nto. Imidlalo yePSL ifana nohambo olude; ngoko ke ndingatsho ukuba sijonge ngamehlo abomvu imidlalo ezayo. Ayisonwabi­sanga indawo elikuyo iqela. Sizimisele ukusebenza nzima ukuze sikwazi ukufumana iziphumo eziphucuki­leyo sikwazi ukusuka kwindawo esikuyo,” utshilo uMayambela. Imidlalo yePSL:

Maritzburg United vs Highlands Park @Harry Gwala, 20:00

Golden Arrows vs Baroka FC @Princess Magogo Stadium, 15:30; Kaizer Chiefs vs Chippa United @Moses Mabhida Stadium, 18:00; Bidvest Wits vs Bloemfonte­in Celtic @Bidvest Stadium, 20:15; Free State Stars vs SuperSport United @Goble Park Stadium, 20:15

Cape Town City vs Black Leopards @Cape Town City, 15:30; AmaZulu FC vs Polokwane City @King Zwelithini Stadium, 20:15

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa